UJosef Zinnbauer ukhusela uHlatshwayo onezothe kubalandeli

UPeter Shalulile weMamelodi Sundowns noThulani Hlatshwayo we-Orlando Pirates besilwela ibhola emdlalweni weNedbank Cup kutshanje eLoftus Versfeld Stadium. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Abalandeli be-Orlando Pirates abonwabanga emva kokungonjwa kweqela labo yiMamelodi Sundowns izihlandlo ezibini zilandelela kwisithuba seeveki ezimbini. Kodwa ngaphezulu kwaleyo, oyena mntu bakhala ngaye nguKapteni weqela: uThulani “Tyson” Hlatshwayo. Into emenza abe nezothe kubalandeli ziimpazamo azenze emidlalweni yePirates.

Iqela laseSoweto libethwe yiSundowns ngamagowuli amathathu eqandeni (3-0) emdlalweni weDStv Premiership obutshisa bhe e-Orlando Stadium ngeCawe egqithileyo. Ezimnyama zibethwe zisophisa emva kokutywatyushwa ngamagowuli amane kwelinye (4-1) emdlalweni weNedbank Cup kwiiveki ezigqithileyo. Kuyo yomibini imidlalo, uHlatshwayo wenze iimpazamo nangona kulo wokugqibela ebeqale kakuhle kwisiqingatha sokuqala.

UHlatshwayo uyiqale kakuhle isizini kwaye wayincedisa iBucs ephakamise indebe yeMTN 8 ekuthambekeni konyaka ophelileyo. Yinto entsha le yokugqwidiza kwakhe uTyson. Ungumdlali ongene kwiqela lesizwe ngenxa yomsebenzi omhle. Umqeqeshi wePirates, uJosef Zinnbauer, umkhusele umdlali wakhe ngelithi akazimiselanga ukuthetha ngeempazamo zabadlali bakhe esidlangalaleni.

“Andifuni ukuthetha ngeempazamo ezenziwe ngabadlali bethu. Lo nto siyenza endaweni efanelekileyo. Yinto eyenzekayo le. Umdlali uyakwazi ukudlala kakuhle aphinde abe nemidlalo emibi. Ekuqaleni kwesizini, ebengoyena mdlali ebesoyame ngaye. Uyinkokeli uHlatshwayo kwaye uyakwazi ukulwa. Ube nelishwa nje emva kokudlala imidlalo emininzi kakhulu engaphumli,” utshilo uZinnbauer.

Phambi kokuqala kwesizini, amaqela amakhulu ayetsalana ngaye uHlatshwayo emva kokudlala kakuhle kwiBidvest Wits nakwi-Afcon, eYiphutha. UZunnbauer uthi akakwazi uTyson ukuba ngumdlali ombi emva kwegcuntswana lemidlalo enze kulo iimpazamo. “Kufuneka sikhe simphe ithuba ukuze akwazi ukubuyela kwindlela adlala ngayo. Ungumdlali obalulekileyo. Impazama yimpazamo,” uvale ngaloo mazwi umqeqeshi weBucs.

Ungaqhubi kakuhle kwePirates emidlalweni egqithileyo kuyivimbe ithuba lokusukela AmaZulu neGolden Arrows ezifuthela emagxeni weSundowns ebuyele kwindawo yokuqala.