Ivuthulula amaqela iWSU eyekiswe iHaka iyithanda

Emva kwentsholo ebikhe yenziwa ngabantu kumakhasi onxibelelwayo ngeHaka, iWalter Sisulu University inyanzelwe ukuba iyiyeke iphinde iyenze phambi. Iqela lombhoxo laseWalter Sisulu linethuba elide lisenza iHaka phambi kwemidlalo yeVarsity Shield – kodwa ngoku liyekile emva kokucelwa yiNew Zealand ukuba ikhe ithi xha ngokuyenza. IHaka yinto esondeleyo egwijweni abazihlupheza ngayo abadlali beNew Zealand phambi kokuqala umdlalo.

Nangona iWSU isaziwa ngeHaka – kodwa kukho abantu abayityhole ngokukopa isimbo selinye ilizwe. Ingxelo ithi iNew Zealand ithumele incwadi kwiWSU eyicelayo ukuba iyeke ukwenza iHaka kuba iKapa o Pango inentsingiselo enzulu kwela lizwe. Kukhangeleka ngathi iWSU isamkele isicelo se-All Blacks ngoba sele iyiyekile emidlalweni yeVarsity Shield. Emva kwesankxwe kwinyanga ephelileyo, uLitha Nkula, onguKapteni weWSU, wazama ukucacisa ukuba kutheni belinganisa iNew Zealand phambi kokuqala imidlalo yabo.

“Ekufikeni kwam eWSU, uMnu. Sipho Metula, owayengumqeqeshi wethu ngelo xesha, wayesibalisela indlela iqela elasekwa ngayo. UYanga Wani nguye oweza nombono wokwenziwa kweHaka njengendlela yokukhuthaza abadlali. Ekuqaleni, iHaka yayisenziwa emva komdlalo. Abadlali bagqiba kwelokuba benze iHaka kuba bethanda umdlalo weNew Zealand. Bakwenza oko besazi kakuhle ukuba ithetha ukuthini kwi-All Blacks,” watsho uNkula.

“Sakhetha ukwenza iHaka ngenxa yendlela iNew Zealand edlala ngayo. Singabantu abasoloko befuna ukuvelisa umdlalo wombhoxo osemgangathweni kwaye sifuna ukudlala njengayo iNew Zealand. Yaba yinto esiyenzayo apha kwaye nabatsha siyabacacisela. Sasingazami ukusengela phantsi into yaseNew Zealand. Siyenza kuba sifuna abadlali bazithembe xa bengena ebaleni,” watsho uNkula.

Iqhuba kakuhle kekambe iWSU emidlalweni yeVarsity Shield. Kule veki ibethe iCPUT ngo’39-5. Phambi koko ivuthulule iDUT ngo’136-11. Amanye amaqela: iFort Hare ibethe iDUT ngo’75-0, yona iRhodes ibethwe yiTUT ngo’39-5.