UKhabo Zondo uthe vumbu kwiRoyal AM emva kweminyaka engabonakali

UKhabo Zondo ngumqeqeshi omtsha weRoyal AM.

Abantu bothukile xa bebona uKhabo Zondo kwiqela lebhola ekhatywayo laKwaZulu-Natal, iRoyal AM, kutshanje. UZondo ubhengezwe yiRoyal AM njengomqeqeshi wayo omtsha phambi kokuqalwa kwamalungiselelo esizini entsha yeDStv Premiership. Phambi kokuchongwa kwakhe, kwakukho amahum-hum athi iRoyal AM iza kukhangela umqeqeshi phakathi kwamadoda aziwayo afana noGavin Hunt, u-Owen Da Gama noDan Malesela. Kuye kwanyanzeleka ukuba iRoyal AM ixoze omnye umphini emva kokuba uJohn Maduka egqibe kwelokuba aye kwiMaritzburg United nangona eyibeke kwindawo yesithathu kwisizini yayo yokuqala kwiDStv Premiership.

Ethetha nejelo losasazo kutshanje, uZondo uthe wothuswa ngumxeba owawusuka kumnikazi weRoyal AM, uShauwn Mkhize. Yiminyaka engaphaya kwemihlanu uZondo wagqibela ukuqeqesha iRoyal Eagles kwiPSL – kodwa ngaphandle kwaleyo, ebeyinxalenye yabaqeqeshi abebekhangela abadlali abanetalente phantsi kwenkqubo ekwakuthi yiNedbank Talent Program. “Ndifowunelwe kuMongameli weqela wathi: ungakwazi ukuza apha? Wathi ingqonyela iza kutsalela umnxeba enze udliwanondlebe. Zange kube kudala, uSinky Mnisi wandifowunela. Sathetha ixesha elide ndiphendula imibuzo. Ekugqibeleni woneliseka ngoba kudala naye ekhona ebholeni,” utshilo uZondo otyikitye isivumelwano sengqesho seminyaka emibini.

Into endiyithandayo ngeRoyal AM kukuba ithethile nam phambi kokutyikitya abadlali abatsha. Sithethile ngabo bonke abadlali abafikayo kwiRoyal AM. Ndiyayincoma kakhulu lo nto,” utshilo uZondo. Ngaphambili, uZondo waqeqesha amaqela aquka iGolden Arrows, iBloemfontein Celtic, iTembisa Classic, iNathi Lions neBay United. Iqela likaMamkhize lifumene iziqwayi zabadlali abatsha abafana noSamir Nurkovic obedlalela iKaizer Chiefs, uRuzaigh Gamildien osuka kwiSwallows, uKhethukuthula Ndlovu no-Andre de Jong. Kulindeleke iRoyal AM idlala imidlalo yeCAF Confederation Cup emva kokuvala isizini kwindawo yesithathu.