UKolisi uphakuphaku phambi kokuya eJapan

Umqeqeshi weqela lesizwe lombhoxo ubhengeze ngokusesikweni amagama abadlali abaza kumela uMzantsi Afrika kwiNdebe yeHlabathi eza kubanjelwa eJapan kwinyanga ezayo

Akukho nguqu ayenzileyo umqeqeshi waMabhokobhoko kuluhlu lwabadlali abachongileyo aza kuya nabo kwiNdebe yeHlabathi kwinyanga ezayo eJapan.

Ekuqaleni kwale veki, uRassie Erasmus ubhengeze amagama abadlali abangamashumi amathathu ananye abaza kumela uMzantsi Afrika kwitumente yehlabathi.

Kukhangeleka ngathi kwaneliseke phantse wonke umntu ngoba umqeqeshi uchonge abadlali abadlalisileyo emidlalweni iqela lesizwe eliqhube kakuhle kakhulu kuyo kwezi nyanga zimbini zidlulileyo.

Oyena mdlali obekungaqinisekwanga ngaye kwezi veki zidlulileyo nguSiya Kolisi obeke wasokoliswa kukonzakala. Ngethamsanqa, uphuncukile kuleyo ingxaki kwaye nguye oza kukhokela Amabhokobhoko xa eza kube ezama ukubuyisa isidima sawo embhoxweni wehlabathi eJapan.

UKolisi ukwazile ukudlala emdlalweni ophunyelelwe nguMzantsi Afrika ngo’24-18 ubetha iArgentina kutshanje ePitoli. Iqela lesizwe loMzantsi Afrika liza kuba phantsi koxinizelelo ngoba aliqhubanga kakuhle kwitumente edlulileyo.

EJapan, Amabhokobhoko aza kukhokelwa nguSiya – ukapteni wokuqala omnyama kwimidlalo yovavanyo. Ekuqaleni kwale veki, uSiya uvumile ukuba uyaphakuzela njengokuba kusondela iNdebe yeHlabathi.

“Ndiphakuphakwana kodwa ndikwachulumancile ngoba bakhona oogxa bam abandixhasayo. Sineminyaka emibini yonke sisebenza ngokuzimisela ngoba sinenjongo yokubuyisela isidima sethu, kodwa andingetsho ndithi sifikelele kwelona qondo esilifunayo,” utshilo uKolisi.

Kwelakhe uErasmus uthe wonelisekile liqela elichongiweyo ngoba linabadlali abatsha nabanamava.

Sinethuba elide sizama ukwakha iqela lethu. Bonke abadlali esibachongileyo bakulungele ukudlala kwiNdebe yeHlabathi. Eminyakeni emibini silungiselela itumente yehlabathi, sikwazile ukunika ithuba lokudlala bonke abadlali.

Iziphumo nendlela esidlale ngayo ayibalulekanga xa siseJapan. Siza kuqala into entsha kwitumente yehlabathi,” utshilo uErasmus. Kulindeleke uMzantsi Afrika udlale umdlalo wokucweya neJapan kwiveki ezayo.

Abadlali abachongiweyo:

Abaphambili (17): Schalk Brits, Malcolm Marx, Bongi Mbonambi, Steven Kitshoff, Vincent Koch, Frans Malherbe, Tendai Mtawarira, Trevor Nyakane, Lood de Jager, Eben Etzebeth, Franco Mostert, RG Snyman, Pieter-Steph du Toit, Francois Louw, Siya Kolisi (captain), Kwagga Smith, Duane Vermeulen.

Abasemva (14): Faf de Klerk, Herschel Jantjies, Cobus Reinach, Elton Jantjies, Handre Pollard, Lukhanyo Am, Damian de Allende, Jesse Kriel, Frans Steyn, Makazole Mapimpi, Sbu Nkosi, Cheslin Kolbe, Warrick Gelant, Willie le Roux.