UKomphela umkhusele unozinti weChiefs!

Bruce Bvuma of Kaizer Chiefs warms up before the Absa Premiership 2016/17 game between Cape Town City and Kaizer Chiefs at Cape Town Stadium on 25 April 2017 © Ryan Wilkisky/BackpagePix

Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uSteve Komphela, umkhusele umdlali wakhe osaqingqayo emva kokubethwa kweqela lakhe ngo’3-2 izolo. Amakhosi aphise ngomdlalo kwiCape Town City ebusuku izolo, eCape Town Stadium, emva kokuphosa amathuba amaninzi kwisigaba sesibini somdlalo. Kuye kwanyanzeleka ukuba kungene umqheliswa izolo, uBruce Bvuma, ngenxa yokonzakala koonozinti abadlala beChiefs.

UBrilliant Khuzwayo wonzakala kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo logama yena u-Itumeleng Khune onzakele ngethuba iChiefs idlala neSuperSport United kumdlalo weNedbank Cup kwiveki ephelileyo. UBvuma, 21, ngunozinti onyuselwe kutshanje yiChiefs emva kokudlala kakuhle kwimidlalo yeMultiChoice Diski Challenge kwisizini ephelileyo. Ukufakwa kwamagowuli kuye akothusanga ngoba ibingumdlalo wakhe wokuqala kwiPSL futhi bekukho uxinizelelo kakhulu kwiqela lilonke. UKomphela umncomile lo nozinti watsho esithi umdlalo wakhe awukudanga kulowo ulindelekileyo kumdlali weChiefs.

Ephawula ngomdlalo weqela lakhe, uKomphela uthe bekufanele ukuba liwuphumelele iqela lakhe umdlalo izolo.

“Alwile amaqela omabini. Ndicinga ukuba kwisiqingatha sokuqala somdlalo sibayekile (abadlali beCape Town City) badlala umdlalo wabo obalekayo – eyona nto bayingozi kakhulu kuyo. Awukwazi ukwenza into enjalo kubo. Ukudlala ibhola embindini webala ibe licebo lethu lokubatheza amandla. Yiyo lo nto isigaba sesibini siye satshintsha. Umdlalo wona ubumhle kakhulu – kodwa andiqondi ukuba ngumdlalo ebekumeluba sibethiwe kuwo. Ebemaninzi amathuba esiwafumeneyo. Iziphumo ezinje zonwabisa umlandeli ongenguye oweChiefs, kwabethu oku sikwenzileyo bekunganelanga,” utshilo uKomphela emva komdlalo.

Usaqhuba umdlalo kwisiqingatha sesibini, uSteve Komphela, kunyanzeleka ayokunxiba enye ibhulukhwe emva kokukrazuka kwaleyo ebeyinxibile. “Ezi zinto ziyenzeka ebholeni, mna ndibenethamsanqa ngoba ndiphatha iibhulukhwe ezimbini umthetho wam. Enye iye yakrazuka, kwanyanzeleka ndinxibe enye,” utshilo uKomphela.