Inzalelwane yaseBelgium, uLuc
Eymael, ukhangela umsebenzi omtsha. Ukukhangela kwakhe ingqesho uLuc kulandela
ukushiya kwakhe iFree State Stars namhlanje. Kwimpelaveki egqithileyo,
igoduke isophisa emva kokubethwa yiSuperSport United ngegowuli elinye eqandeni
(1-0). Kubonakala ngathi eso ibe sisikhonkwane sokugqibela ku-Eymael. Ingxelo ebhaliweyo
ekhutshwe yiFree State Stars ithi umqeqeshi neqela bagqibe kwelokuba kuqhawulwe
isivumelwano sengqesho ngesihle namhlanje. ULuc uyishiya
ithe ngcu kwindawo yethoba emva kokuqokelela amanqaku alishumi alinesithathu
kwimidlalo elishumi elinesine.
Namhlanje uJoel Masutha ugqibe
kwelokuba ashenxe esikhundleni sokuqeqesha iBlack Leopards. Lo nto ilibeke
kwisibini sonke inani labaqeqeshi abalahlekelwe yimisebenzi kusuku olunye. Kanti
izolo uMuhsin Ertugral obeqeqesha
isigqibo sakhe sokuyeka ukuyiqeqesha emva kokubethwa emdlalweni wangempelaveki.
“Ndisuka e-Ofisini ngoku, sigqibe kwelokuba sohlukane neFree State. Kumnandi
ngoba akukho nto esibambene ngayo. Sigqibe kwelokuba sohlukane ngoba iziphumo
bezingancumisi. Ndibulela bonke abalandeli beFree State Stars abandinike
inkxaso. Bendonwabile kwaye ukuhlukana kwethu zizinto zasebholeni,” utshilo
uLuc Eymael kwiKickOff.com emini namhlanje.
Le ndedeba yaseBelgium ifike
kwiminyaka embalwa egqithileyo eMzantsi Afrika izokuqeqesha iPolokwane City.
Yaqhuba kukuhle kuyo phambi kokubhidana nabaphathi ngenxa yokufuna ukuyoqeqesha
iBleomfontein Celtic esenesivumelwano neCity. Wenze imbali kwiFree State Stars
ngokuyinceda ngokuphumelela iNedbank Cup ebethe kuyo iMaritzburg United
ekupheleni kwesizini ephelileyo eKapa. Iingxelo zithi kukho amaqela amfunayo
kwamanye amazwe – kodwa uthe uyakuhlala eMzantsi Afrika kude kuphele le nyanga.
URanga Chivaviro ufuna iChiefs iqume ihlazo ngokungena kwiTop 8