Ayifanelwe lichaphaza lezopolitiko intloko yeNPA

Igqwetha laseMpuma Koloni, uSiyabulela Mapoma, nobonwa njengomnye wabafanelwe sisikhundla sokuba yintloko yeGunyabantu Lezotshutshiso

Umbutho iDA uthi intloko yeGunyabantu lezoTshutshiso kufuneka ibe ngumntu ozimeleyo nongenachaphaza kwipolitiki. Inkokheli yalo mbutho, uMmusi Maimane, ukutsho oku emva kokuba ilungu leDA epalamente – uGlynnis Breytenbach – erhoxile kuluhlu labo bebechongelwe isikhundla sentloko yeGunyabantu lezoTshutshiso. 


Lo kaBreytenbach wayefudula engumtshutshisi oyintloko kwibutho elitshutshisa ulwaphulo-mthetho kwezoshishino. Walahla kwesi sikhundla emva kokungaboni ngasonye nalowo wayelibambela ntloko kwiGunyabantu lezoTshutshiso, uNomgcobo Jiba. 

Uye watyunjwa ngumbutho wamagqwetha asePitoli kodwa wabuya warhoxa emva kweengcebiso ezikhutshwe ngulo mbutho.
OkaMaimane uthe: “Simcebise ukuba arhoxe kuba asifuni chaphaza lezopolitiko kumntu oyintloko yeGunyabantu lezoTshutshiso. 
Eyona ndlela yokwakha ithemba loluntu kwiGunyabantu lezoTshutshiso kukunika umongameli [Cyril Ramaphosa] ithuba lokuchonga umntu ozimeleyo nongazujongwa luluntu njengomntu othunywe ngoosopolitiki.” 

UMaimane ugxeke inkqubo yeANC yokuthuma amalungu ayo kwizikhundla eziphezulu zaseburhulumenteni esithi yiyo eyakhokelela kutshutshiso olungafanelekanga kuPravin Gordhan ngethuba wayengumphathiswa we zemali. Ukwathe uRamaphosa usethubeni lokubonisa uluntu lweli lizwe ukuba liphelile ixesha lokusetyenziswa komthetho kusiliwa amadabi epolitiki. 

Bekukho ukubethabethana kwezimvo emva kokuba igama likaBreytenbach lithiwe thaca kuluhlu lwabo bachongelwe ukuba yintloko yabatshutshisi. Kukho abo bagxeke ngelithi ulilungu leDA kwaye uzakuba nedolo ngakwizimangalo zalo mbutho.

Umhlalutyi wezopolitiko uXolani Dube uthe eloMzantsi Afrika belingazukuqala ukuba nentloko yeGunyabantu lezoTshutshiso elaziwayo ukuba linendima eliyidlalayo kwezopolitiko. “UBulelani Ngcuka wayelilungu lePalamente leANC phambi kokuba abe yintloko yabatshutshisi, ngokunjalo noVusi Pikoli; uBreytenbach ibingazuba ngumntu wokuqala ukuthatha esa sikhundla esuka kwipolitiki,” utshilo uDube. 

Nangona uBreytenbach esithi ibiliphupha lakhe ukuba yintloko yeGunyabantu lezoTshutshiso ubone kufanelekile ukuba arhoxe kuba kukho abo bebeyohlala bembona njengosopolitiki. 
Ukanti liyaqhuba udliwandondlebe kwishumi elinanye eligacele esi sikhundla. Phakathi kwabo bathatha inxaxheba nguSilas Ramaite olibambela-ntloko leNPA. URamaite ubekwe ichaphaza etyholwa ngokulalana nonogada ongowasetyhini kwi-ofisi yakhe.

Igqwetha laseMpuma Koloni uSiyabulela Mapoma ubonwa njengomnye wabaceli-mngeni onamava emva kokusebenza njengoMtshutshisi, uMantyi, kwiqumrhu likaTransnet.
Umtshutshisi uAndrea Johnson obengumncedisi womtshutshisi owaziwayo uGerrie Nel naye ukwangomnye wabaceli-mngeni.
Kolu luhlu kukho noRodney De Kock oyintloko yeGunyabantu lezoTshutshiso eNtshona Koloni, nonconywayo ngomsebenzi omhle weNPA kwela phondo. Kukwakho noMoipone Noko, oyintloko yeGunyabantu lezoTshutshiso KwaZulu-Natal, nogxekwa ngokuchitha amatyala koosomashishini ababonwa njengamahlakani kalowo wayengumongameli weli uJacob Zuma.
Nentloko yabatshutshisi eGoli, uAndrew Chauke, ukwangomnye ogacele esi sikhundla. Kukho amathandabuzo ngakulo kaChauke emva kokuchitha izityholo ngakulowo wayeyintloko yamapolisa kwezobuntlola, uRichard Mdluli.
Abanye abagacileyo nguSimphiwe Mlotshwa oligqwetha eKZN, nowayeke walibembela kwiNPA kwela phondo, uMatrick Luphondo ongumtshutshisi ePitoli, uNaomi Manaka oligqwetha eGoli, uMike Makhari oligqwetha eGoli kwakunye noShamila Batohi obefudula engumtshutshisi kwinkundla yamazwe ngamazwe [International Crimes Court] eseHague.