UMabuyane umthembile uFuzile ogxeleshe intshinga engenamntu

UMnu. Mzamo “Chief” Njekanye uthi imbethimanqindi yakhe ikulungele ukwenza umsebenzi phambi komlo obalulekileyo ongoMgqibelo. Imbethimanqindi yaseMonti, uAzinga “Golden Boy” Fuzile, ugaleleke eMelika kwiintsuku ezigqithileyo – apho aza kudibana khona noKenichi Ogawa waseJapan emlweni ojongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bamanqindi kwihlabathi lonke. UFuzile noKenichi baza kuvana amandla emlweni wentshinga engenamntu (IBF Junior Lightweight) oza kubanjelwe eMadison Square Garden – eyona ndawo yamanqindi ehlonitshwayo eNew York.

“Sifike kakuhle eNew York,” utshilo uNjekanye. “Siwulungele umlo. Lo ngumlo obaluleke kakhulu ebomini bukaFuzile. Sithetha ngentshinga yehlabathi. Esingakutsho kukuba siwulungelele ngokupheleleyo ukuqubisana no-Ogawa,” utshilo umqeqeshi kaFuzile. Imbethimanqindi yaseDuncan Village iya emlweni obalulekileyo ukuzithemba kuphezulu emva kokubetha uMartin Joseph Ward emlweni obuseMelika ebutsheni balo nyaka. Inkulumbuso yeMpuma Koloni, uLubabalo Oscar Mabuyane, ithumele amazwi enkuthazo kuFuzile nakuNjekanye – omnye wabaqeqeshi abaphambili lwicala lokuvelisa iintshatsheli emanqindini aseMzantsi Afrika.

“Silindele uGolden Boy abuyele ekhaya exwaye ibhanti, aphakamise igama lephondo nelizwe lakhe ngoMgqibelo. Simnqwenelela okuhle kodwa nomnqweno wakhe wokuba yintshatsheli yehlabathi inga ungaphumelela. Kodwa nokuba akaphumelelanga, ibali lakhe lakuthi likhuthaze ulutsha ukuze liguqule iimeko zalo ngezemidlalo,” utshilo uMabuyane. Kanti yena uColin Nathan, umqeqeshi nokwangumthelekisi omkhulu, uthe uqinisekile ukuba uFuzile uza kuphumelela. “Ndinethemba lokuba uFuzile uza kuphumelela aphakamise umdlalo wamanqindi waseMzantsi Afrika. UFuzile uza kuphumelela, ndiqinisekile. Umlo wona uza kuba nzima kuzo zombini iimbethimanqindi,” utshilo uNathan, osebenzisana neRumble Africa – isitali sikaFuzile.