UMaduna noKamagi bazimisele ukuyinceda iCape Town Spurs!

Njengokuba iCape Town Spurs itsale nzima kakhulu kwisigaba sokuqala sesizini, ngoku inethemba lokuguqula izinto. Iqela laseKapa lifumene inqwaba yabadlali abazimisele ukulinceda. Abanye ngabadlali abasakhulayo abanyuselwe kwiqela elidlala kwiDiski Challenge kanti abanye ngabadlali abanamava.

Phakathi kwabadlali abathengiweyo ekuqaleni kwalo nyaka kukho uSiphesihle Maduna noGadiel Michael Kamagi. Bobabini ngabadlali abadlala kakuhle futhi abanamava. UMaduna, 24, ngumdlali owaziyo onethuba elide edlalela AmaZulu.

Kulindeleke ancede iqela laseKapa esiswini. Kanti naye uKamagi, 27, yindoda enamava esuka elizweni laseTanzania – apho idlalele amaqela aliqela. Kwisigaba sokuqala, iSpurs besinengxaki yokuvuza ezipalini singakwazi ukufaka amagowuli kwelinye icala.

UMaduna uyakwazi ukudlala esiswini – kodwa okuhle ngaye kukuba uyakwazi ukufaka amagowuli. Yeyona nto edingwa yiCape Town Spurs kwisigaba sesibini sesizini ukuze siphephe izembe. Ndamkelwe kakuhle apha.

“Yonke into ihamba kakuhle. Ndilinde ukungena ebaleni ndincede iqela mna ngoku,” utshilo uMaduna. Njengomdlali omtsha, ndizimisele ukunceda iqela ukuze lisuke kwindawo elikuyo ngoku.

“Eyona nto isemqoka kukufaka amagowuli anokulibeka endaweni ekhuselekileyo iqela,” utshilo uMaduna kwikhasi lomnatha leSpurs. Kanti kwelinye icala, uKamagi ungxamele ukudlala eMzantsi Afrika – into anethuba elide eyinqwenela.

“Kamagi udlalele amaqela afana neSingida Mountain Gate, Azam FC, iYoung Africans neSimba SC. Uza kudlala kwiPSL okokuqala emva kokufika kwakhe eMzantsi Afrika kutshanje. “Ibhola ekhatywayo ibhetele apha, yilo nto endenze ndeza apha.

“Ndifuna iSpurs sifumane indawo ebhetele kwiDStv Premiership,” utshilo uKamagi. ISpurs siza kudibana neRoyal Am ngomhla weshumi elinane emdlalweni weDStv Premieship ngomhla weshumi elinane kule nyanga.