‘Enkosi Bawo,’ utsho uMoshe ngamawele akhe

UMoshe Ndiki namawele akhe. UMFANEKISO: INSTAGRAM

Umsasazi kamabonakude nokwangumlingisi, uMoshe Ndiki, ubonise uluntu okokuqala ngqa imifanekiso yamawele akhe kumakhasi onxibelelwano.

UNdiki ubhale esithi, “Enkosi Bawo. Bazelwe besempilweni kwaye bephila, amakhwenkwe amabini. UThalanda Alexander Moshe Ndiki, kunye noNtaba Lehlohonolo Siyolo Ndiki.”

Kunyaka ophelileyo kweyoKwindla, uNdiki wabelana ngemincili iindaba zokuba uza kuba namawele. “Usisi othwele abantwana bam (surrogate) ukhulelwe. Ndiza kuba ngutata wamawele,” watsho.

Wathi uye wathandazela ukuba ngutata.

“Andinamazwi ngenceba nothando lukaThixo kum. Kule minyaka mibini idlulileyo ndizamile ukuphila kwaye ndakhe ubomi apho mna nabantwana bam sizakuphila kamnandi, sikhululeke, sikhuseleke kwaye sive uthando,” utshilo uNdiki.

Amawele kaMoshe Ndiki angamakhwenkwe uThalanda Alexander Moshe Ndiki, kunye noNtaba Lehlohonolo Siyolo Ndiki. UMFANEKISO: INSTAGRAM/@withlovechelseaxoxo/@kistphotography

Uqhube wathi, “Ndiyambulela uThixo, lo sisi ebekhulelwe ngabantwana bam, umyeni wakhe, usapho lam kunye nomnikeli weqanda.”

“Mna nalo sisi besibizana ngabazali bamawele. Ingathi liphupha kodwa sathandaza ngexesha lokukhulelwa kuba ukukhulelwa kuyothusa.”

Uchaze inkosikazi ebikhulelwe abantwana bakhe njengeqhawe lakhe lokwenyani.

Kungoku nje uNdiki unenkqubo kamabonakude edlala kwijelo leDStv, uMzansi Magic ngeeCawe ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa ethi ‘Life with Moshe,’ engobomi bakhe. Le nkqubo iqale ukudlala ngeCawe, ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kwinyanga yoMqungu ka2024 kwaye abantu baye bayivuyela kuba uNdiki engusaziwayo othandwayo.