Uncumo emva kongenelelo ngoncedo kwabo bashiyeke bengenamakhaya eMbhashe!

Abahlali bommandla woMbhashe nabathe baxhamla kwizibonelelo zeepasela zokutya kwakunye neengubo zokulala ngoLwesibini. UMFANEKISO: DoSD

Kule veki ukuyokutsho ngoLwesihlanu lizakuqhuba iphulo lokubonelelwa kweentsapho ezingaphaya kwamakhulu amane (400) ezishiyeke zidilikelwe ngamakhaya, abanye bengenawo nenjani emva kwezikhukhula zemvula ezenzeke kwinyanga ephelileyo uJanyuwari kuMasipala waseMbhashe nophantsi koMasipala wesithili saseAmathole.

Iiwadi ezithe zachaphazeleka eMbhashe neziza kutyelelwa ziquka u22, 23, 24 kwakunye no-29. Abahlali ebebekhala sithetha nje abawuvali umlomo luvuyo ngenxa yongenelelo lombutho wesisa ongenanto yakwenza norhulumente iUbuntu Trust Foundation (UTF), iSebe leNtlalo yoLuntu eAmathole kwakunye naseMbhashe. Uluntu luziselwe iipasela zokutya kwakunye neengubo ezimfumamfuma zokulala.

Ingxelo ithi olu nikezelo lweepasela zokutya kwakunye neengubo luzakuqhuba iintsuku ezine kwaye ngosuku olunye kwakudluliswa ezilikhulu (100).

Abahlali bommandla woMbhashe nabathe baxhamla kwizibonelelo zeepasela zokutya kwakunye neengubo zokulala ngoLwesibini. UMFANEKISO: DoSD

Elinye lamaxhoba elishiyeke lingenanto nelithe laxhamla kubonelelo nguNokwandisa Ntanga (60), nobebhalwe uncumo ebusweni, ubulele ngongenelelo oluthe lwenziwa ngabasemagunyeni.

“Ndiyabulela ngolungenelelo kwaye ndizakuncedakala ixeshana noko. Oku kutya neengubo esithe sazifumana khange ndiyicinge,” utshilo uNtanga.

Baninzi abantu abathe baxhamla ngoLwesibini nabasaza kuxhamla kwezi wadi nabathe bachaphazeleka.

Uceba walo mmandla uBoniswa Sithela, ulwamkele naye olungenelelo lwesebe kwakunye neUTF elincedana nabantu bewadi yakhe.

Umonakalo oshiywe zizikhukula kwinyanga ephelileyo eMbhashe. UMFANEKISO: DoSD

Olu ngenelelo luza emva kokuba iUTF ejolise ekuncedeni abo basweleyo nekhokelwa ngusomashishini waseMbhashe uAce Ncobo ebambisene nesebe kunye noMbhashe ngeenjongo zokolula izandla.

UNcobo weUTF uthi iinkqubo ezinje uye akholwe ukusebenzisana namasebe ukuze izinto zihambe kakuhle.

“Sakuqhuba iintsuku zibene ukuqala namhlanje uLwesibini, singena kuzo zonke ezilali sishiye iipasela neengubo ezilikhulu (100) kumaxhoba, de sigqibe la maxhoba angamakhulu amane (400) ewonke,” utshilo UNcobo.

Ophuma kwisebe eAmathole, uXolisa Mgwatyu, nobeyinxalenye nolusuku uthi isebe asiyonto liyithatha kancinci ungenelelo ekuhlanguleni ngokukhawuleza abasweleyo nabadandathekileyo eMpuma Koloni.

Umonakalo oshiywe zizikhukula kwinyanga ephelileyo eMbhashe. UMFANEKISO: DoSD

UMgwatyu uthi, isebe lityale oonontlalontle kwezi wadi kumaxhoba ngeenjongo zokuboluleka.

Iilali zika wadi 21 yiMpozolo neMsendo. Ezika wadi 23 kukuMgashe noMhlahlana. Ezika wadi 24 kuseShixini, Phathilizwe, Lower Gwadu, Mhlabulungile naseXotyeni, ze kuwadi 29 kubeseMevana.

USodolophu waseMbhashe uSamkelo Janda, kwingxelo ebebongoze nabanye ekubeni bavele abangamaxhoba. Ekwabongoza nakwabanye oosomashishini ekubeni bolule isandla ngokuthi bancede ngalonto banayo efana neempahla zokunxiba, ukutya, kwaye kuxhwarhiswe nabo bashiyeke bengenawo amakhaya.