UMbonda wathanda umdlalo wayo iChippa United

Portia Mbonda

Kwiphephandaba lethu lokugqibelo kulo nyaka, sincokole nomlandeli weChippa United osemtsha. Usibalisele izinto ezintle nothando lwakhe lwebhola ekhatywayo neChippa United.

Pedro Mapelo: Siyakwamkela kweli phephandaba. Gqaba gqaba, ungubani?

Umlandeli: Igama lam ndinguPortia Mbonda, ndihlala eCookHouse ngokufunda ndilapha kule yunivesithi yalapha eBhayi.

PM: Uniphethe njani unyaka ka-2016 ningabalandeli beChippa United?

Portia Mbonda: Lo ibingunyaka wam wokuqala ndingumlandeli weChippa United. Bekumnandi kum kakhulu, ndamkelwa ngezandla ezishushu ngabalandeli kwaye nalo iqela lethu liqhube kakuhle kakhulu kulo nyaka.

PM: Wathanda ntoni apha kwiiChilli Boys?

Portia M: Ekuqaleni ndandithanda kakhulu i-Orlando Pirates. Eyona nto ndiyithanda kakhulu kwiChippa United kukuba idlala ibhola entle kakhulu. Okwesibini, ndatsalwa kukuba iliqela elilelalapha ekhaya.

PM: Nenza ntoni kwisebe lenu eyahlukileyo kwamanye?

Portia M: Kweli isebe lethu eliseZwide singabantu abasondeleleneyo, siyafuthelana ngezinto zethu ezibalulekileyo kuba sisoloko sifuna ukuqinisekisa ukuba xa ethetha nabanye abantu ukhupha ulwazi oluchanekileyo. Enye yezinto esizenzayo kukunceda abantu abasweleyo kwezi ndawo sihlala kuzo.

PM: Unqwenela ukuba ingenza ntoni iChippa United kule sizini?

Portia M: Ndinqwenela ukuba ifumane iziphumo ezihle kwimidlalo ezayo. Ewekufuneka siyixhase naxa iziphumo zingancumisi ngoba singabalandeli bayo – kodwa ndingavuya ukuba ingaqhuba njengakwisizini ephelileyo.

PM: Umyalezo wakho weKrismesi oya kubalandeli uthini?

Portia M: Kubalandeli bebhola ndithi mabazitye kamnandi iiholide zabo – kodwa bangayilibali ibhola.