UMeyer utshintshe abadlali abasibhozo kwiSpringbok

UHeyneke Meyer wenze utshintsho lwabadlali abasibhozo kubadlali abaza kuthi bajamelana neqela laseNew Zealand ngoMgqibelo. La maqela mabini aza kudibana isihlandlo samashumi alithoba, e-Emirates Airline Park, eRhawutini.

UHeinrich Brussouw uza kube engena okukuqala sukela oko kwendebe yehlabathi, ka-2011. UVincent Koch yena uza kuba lilalela mhlawumbi angafumana ithuba adlale okokuqala kwiqela leSpringbok.

Kwaba badlali basibhozo batshintshwe nguMeyer, sisihlanu esiza kungena ebaleni ngelixa isithathu siza kuqala esitulweni. Kudonga lwangasemva akenzanga lutshintsho uMeyer. USchalk Burger nguye oza kukhokela iqela ngomso njengekapteni kwindawo yakhe yesibhozo. UFrancois Louw uza kudlala kwindawo yesixhenxe, engena endaweni kaMarcell Coetzee. Olunye utshintsho olubalulekileyo nguLood de Jager oza kungena endaweni kaVictor Marfield.

UMeyer uthi iqela lakhe liza kujongana nomceli-mngeni omkhulu ngoMgqibelo njengoko liqhubeka namalungiselelo alo endebe yehlabathi kwakunye neqela leeKiwis elinganqandekiyo. UMeyer uthi

iza kuba ngumdlalo omkhulu lo, njengoko nawuphi na umdlalo kunye nee-All Black ubalulekile.