UMiddendorp uthi unzima umsebenzi wokuvusa iCape Town Spurs!

Umqeqeshi omtsha weCape Town Spurs, uErnst Middendorp, exhagwe ngabaphathi bakhe abatsha. Umfanekiso: CTS

Omnye wabaqeqeshi abaziwayo, uErnst Middendorp, ubuyele kwiPSL, kweli ityeli, njengomqeqeshi weCape Town Spurs. UMiddendorp, obekhe wakhonjwa kwiSekhukhune United ekhulule uBrando Truter, waziswe kwiveki ephelileyo njengomqeqeshi omtsha weSpurs emva kokuba sakhulula uShaun Bartlett kwiiveki ezidlulileyo.

Indedeba yaseJamani ifika kwiqela laseKapa ngenxesha elibi litsala nzima emsileni weDStv Premiership. Emva kokwamkela umsebenzi omtsha, uMiddendorp uvumile ukuba ujongene nomsebenzi onzima kakhulu kwiCape Town Spurs.

Nakubeni kunjalo, uqhelene nemisebenzi enzima. UMiddendorp ukhe wasindisa iMaritzburg United ezembeni. Abaphathi beSpurs banethemba lokuba amava anawo ebholeni yaseMzantsi Afrika aza kulinceda iqela labo elingakhange liqhube kakuhle ukusukela oko lithe lanyuselwa kwiMotsepe Foundation Championship phambi kokuqala kwesizini eqhubekayo.

Nangona iCape Spurs iphulukene nemidlalo emininzi – kodwa ibonakele intlantsi ethembisayo ngethuba ibetha iPirates emdlalweni weDStv Premiership kutshanje.

“Ndikhe ndaya kwiqela laKwaZulu-Natal elalifumene inqaku elinye tshu emidlalweni elishumi elinanye. Kwakulindelwe ukuba iqela likwazi ukuqokelela amanqaku aza kuligcina kwinqanaba eliphezulu. Le imeko yahlukile xa ndiyithelekisa naleya ndandikhe ndakuyo.

Ngumsebenzi onzima lo endijongene nawo – kodwa masibe sisima kule ndawo sikuyo,” utshilo uMiddendorp oqeqeshe amaqela aquka iKaizer Chiefs, iChippa United neTeam of Choice edlala kwiMotsepe Foundation Championship.

Inye into ayiqeshelweyo: kukuqinisekisa ukuba iSpurs sigcina indawo yaso kwiDStv Premiership. “Into ebalulekileyo ngoku kukujonga ukuba zeziphi iindawo esingaziphucula ukuze siphumelele imidlalo. Kufuneka sijonge indlela amagowuli angene ngayo emva koko sizame ukunqanda lo nto.

Ukuba singasebenza njani nabadlali esinabo ngoku,” utshilo uMiddendorp. Into ebethe iSpurs kukuba inabadlali abatsha. Mhlawumbi yinto eza kulungiswa xa kuvulwa ithuba lokuthenga abadlali abatsha ekuqaleni konyaka ozayo. Ngempelaveki, iSpurs siza kudibana neRoyal Am emdlalweni weDStv Premiership.