Zibiwe iigusha zakwaSinto kuQumbu

Umhlambi weegusha. UMFANEKISO: RonaZevin

Ukubiwa kwemfuyo yingxaki ephambili ajongene nayo amafama weli leMpuma Koloni, kwaye ibangela ukulahleka kwethemba.

Kuthwa ziqikelelwa kwishumi lamawaka iigusha, iinkomo neebhokhwe ezithi zibiwe kwiindawo ezahlukeneyo zeli leMpuma Koloni.

Usapho lakwaSinto kuQumbu lithathelwe iigusha ezingamashumi alithoba ananye kwilali yaseNcalukeni. Idolophu yakuQumbu noTsolo zihamba phambili kwingxaki yokubiwa kwemfuyo kwaye kubhubha nabantu ngenxa yale ngxaki.

Ingxelo yosapho lakwaSinto ithi, zikhutshwe ebuhlanti ezigusha ngamasela abonakala engenalusini. Kuthwa ezi gusha zinombhalo obomvu, zikwa bhalwe umbhalo ongu SS.

Ukusebenzisana kwamafama ukulwa le ngxaki kunganceda ukupheliswa komkhuba wokuthathwa kwemfuyo. Kukho iingxelo zokuba ezigusha, iibhokhwe neenkomo zithunyelwa nakumazwe afana neLesotho.

Ixabiso leegusha ezingamashumi alithoba lifikelela kumashumi amabini amawaka eerandi ngokwe xabiso lemali xa zithengiswa. Xa zithengiswa iigusha zithengiswa ngamaxabiso ahlukeneyo aqala kwiwaka elinamakhulu amahlanu ukuya kumawaka amabini.

Amafama akwazikhulisa wona neentsapho zawo ngokuthengisa iigusha eziphilayo, logama bekwafaka imali emakhayeni abo ngothengisa uboya. Kukwakho izityholo zokuba kukho amapolisa asebenzisana namasele wemfuyo, kuthwa oku kwenza ukuba kubenzima ukubanjwa kwala masela.

Amapolisa oMzantsi Afrika analo ibutho elijongene nokubiwa kwemfuyo, kodwa ubonakala umncinci umahluko. Imvumi yegospile uButho Vuthela lelinye lamaxhoba athathelwa iigusha ezingaphezu kwekhulu kwakwiilali zakuQumbu.

Ukubiwa kwemfuyo kuthelekisa abantu kwiindawo abahlala kuzo, kuzala ukutyholana logama amasela eqhubeka esiba. Amagosa kaRhulumente awenzi ngokwaneleyo ukuzama ukulwa ingxaki yobusela bemfuyo, ngoku kodwa kwindawo yakuQumbu nakuTsolo.

Kukho amakhaya angamabhodlo ngenxa yokuba kwabulawa iintloko zalo makhaya ngamasela efuna imfuyo. Ukanti kukwakho amakhaya angenabo ootata ngenxa yokuba batyholwa ngobusela bemfuyo babulawa.

Kuthwa amasela emfuyo axhoba ngezixhobo ezinobungozi, kwaye afika adubule yonke into ngelizama ukoyikisa usokhaya. Ukunxibelelana kwamafama ngolwazi kunganceda ukunqanda ukubiwa kwemfuyo.

Ngeli xesha lokuphela konyaka kuthengiswa iigusha yonke iindawo nangabo bangazange bafuya ngaphambili. Amanye wamaxhoba athathelwa ezigusha ophukelwa yimpilo ngenxa yokuba zithengwa ngemali yokugqibela.

Kwabo babone ezigusha okanye iigusha ezingaziwayo angatsalela umnxeba kule nombolo 076 114 1641 okanye 060 421 2933.