Ungajima ungahlawulanga mali efama

Inyathelo ngalinye yinzuzo kumzimba. UMFANEKISO: SEVENTYFOUR

Uninzi labantu abatsha basoloko bekhathalele indlela emi ngayo imizimba yabo. Ngenxa yoku bachithe imali bezilolonga ngokujima kwindawo ezihlawulisayo.

Umsebenzi wasefama ngumsebenzi ofanele kuphela abo bangakonqeniyo ukusebenzisa imizimba namandla abo. Amaxesha amaninzi kuthwa umsebenzi wasefama ufanele abo bantliziyo ziqinileyo ukujongana nobunzima balo msebenzi.

Oku konke kudala ithuba elihle kwabo bakhathalele imizimba yabo ngoku basebenzise elithuba lokusebenza nzima efama bezilolonga logama benza ukutya. Kunqabile ukuba umntu azilolonge aphinde asebenzise elothuba ukuzenzela imali.

Ukuzilolonga kukhuthaza amajoni omzimba ukuze ubani aphile kakuhle aphile ixesha elide. Imali yona oyenza ngenxa yeemveliso zasefama yenza ukuba ukwazi ukufikelela kuninzi lezinto ozifunayo empilweni yakho yemihla ngemihla.

Kula maxesha anzima kangaka kumele ukuba uluntu luqwalasele iindlela zokuphungula inkcitho, kongiwe imali ngamandla.

Ininzi imali echithwa ngabantu ingakumbi abatsha abasenamandla okusebenza umsebenzi wasefama bethenga ixesha lokuzilolonga kumaziko okujima.

Inyathelo ngalinye yinzuzo kumzimba.

Umsebenzi wasefama wonke yijimu egqibeleleyo anokuthi ubani ayisebenzise. Le mali uyisebenzisa ukuhlawula indawo yokujima ungayisebenzisa ukuthenga izithole, iigusha, iibhokhwe, iihagu nezinye izinto zokuziphuhlisa ngolimo nokufuya.

Imali ehlawulwa kula maziko ayinambuyekezo, kodwa imali ethenge izithole zokuba utyale kwakho inembuyekezo ecacileyo ekupheleni kosuku. Izinto zonke ezithengwayo zonke zinyukile ngoko kufuneka ukuba sigcine imali endaweni yokuyisebenzisa.

Siyisebenzise ngendlela ezakuba nembuyekezo ecacileyo ezipokothweni zethu. Ukuphethula umhlaba kunika umzimba ithuba lokuba ushukumise izihlunu ukuze amajoni omzimba wakho ahlale elungele ukulwa.

Ukuhlakula okanye ukuxhwitha ikhula egadini yindlela ethile othi umzimba uzuze ngayo ithuba lokuzilolonga ukuze kuphunguke zonke izinto ezingafunwa ngumzimba.

Uninzi lemisebenzi yasefama lenza ukuba umzimba ubile, oku kubila koku kufunwa kanye ngumzimba ukuze uzicoce ukhuphe ubumdaka. Ukubila kukwancedisa umzimba ukuba uvule intunja zokungena komoya nelanga emzimbeni.

Ukutsha lilanga usebenza yenye yeendlela zokuhlupheza amajoni omzimba wakho, logama ukwaqhubela phambili umsebenzi wakho wokuvelisa ukutya.

Imisebenzi iyaphela, amaxabiso ezinto ayenyuka, amafutha nawo anyuka rhoqo ngoko ke kubalulekile ukuza namacebo amatsha okuhlupheza umzimba ngokusebenza nzima efama.

Amagqoboka aseCaweni athi ivila alifunwa nguThixo nangusathana. Vuka ke mfama yahlukana nokusebenzisa imali yakho ngokuhlawula indawo zokuzilolonga ikhona igadi yakho. Ukuba ufuna ukuzilolonga kathathu ngemini, kusasa, emini nasemvakwemini, oko kuyinzuzo kumzimba wakho.

Ifama liziko apho kufumaneka phantse zonke izinto ezidingwa ngumzimba wakho okanye ezinokuncedisana nempilo yakho.