Maboluswe bezalwa aba bantwana

Abakhwetha eSuthwini.

Ngelizama ukuthintela ukubhubha kwabantwana eSuthwini kumele ukuba abazali bakwamnkele ukuba kumele kwenzeke utshintsho kweli siko.

Zininzi iindlela elinokutshintshwa ngayo isiko lokwaluka ukuzama ukukhusela abantwana. Amakhulu amane wabantwana abangenabudoda ngenxa yempazamo ayiyonto incinci leyo. Ukubhubha kwabantwana abangaphezu kwewaka ngeminyaka elishumi elinesihlanu yintlekele leyo.

Xa benokwaluselwa esibhedlele bezalwa aba bantwana kungenza ukuba bakhuseleke. Kamva kunokwenziwa iimfanelo zesiko xa efikelele kwixabiso lokuba yindoda eshiya ubukhwenkwe. Kutheni le nto singavumi ukuba isiko nesithethe ngasinye sihambelana nexesha lokuphila kwabo bantu?

Xa unokuphanda nzulu ngesiko lokwaluka ungafumanisa ukuba zininzi izinto ezazisenziwa kudala ezayekwayo, ngoko kwakungafi mntwana. Ngoku bayafa abantwana ngoko ke kumele ukuba singoyiki ukuthetha okanye ukwenza utshintsho kweli siko lakudala. Lihlazo kumadoda anikwa umntwana ophilileyo ukuba aye naye eSuthwini aze abuye naye ebhubhile.

Ngaphambili sasiphakamise uluvo lokuba abantwana boluswe ngamabutho ukuze bakhuseleke, kwaye bakhuselane eSuthwini. Kona kumele ukuba kwenziwe inguqu enkulu necacileyo kwisiko lokwaluka ukuze bakhuseleke abantwana.

Ukubolusa besazalwa kungenza ukuba xa kufika ixesha lokuya eSuthwini xa beneminyaka elishumi elinesibhozo babe begqibile ngesiko. Isiko ayikokuvisa abantwana iintlungu okanye ukubabulala, koko isiko kukuba bagqithe kwinqanaba lokukhwenkwe besiya ebudodeni.

Lulwazi oluphangaleleyo into yokuba abantu abavumi kwaye abanakuvuma ukuba abantwana babo boluselwe esibhedlele. Utshintsho yinto eyenziwa ngenxa yesikhokelo selo xesha okanye lukhokelwa sisikhokelo esimiyo ngelo xesha.

Iinkokheli zemveli azivumi ukuvula imilomo zimemelele utshintsho kwisiko lokwaluka, endaweni yoko zitya imirholo ezingayisebenzelanga.

Ziinkokheli zemveli ekumele ukuba zikhokela iinguqu kweli siko ngeenjongo zokukhokela izizwe zazo. Kuthethwa into engaqhelekanga luninzi xa kuthethwa ngotshintsho kweli siko, kuba uva abanye besithi akukho bakhwetha babhubhayo kwiindawo zabo. Indoda yenene ke ayikhathaleli ukuba ingxaki yenzeka kwindawo yayo, kodwa ikhathala ngokuba kukho abantu ababhubhayo nokuba kuphi na.

Uluvo lokwaluswa kwabantwana ngamabutho lelinye elinokunceda, kodwa nalo alinakuqhubela phambili kuba uluntu lukholelwa ukuba alunangxaki. Ukwalusela abantwana esibhedlele sesinye isisombululo, kodwa naso sidinga iimbono ezikhululekileyo.

Ukoluswa kwabantwana xa bezalwa esibhedlele kungabangela ukuba kuphele amakhankatha neengcibi. Okanye kungenziwa indlela yokuba zibekho nazo iingcibi zichaphazeleke kwinkqubo yokwaluswa kwabantwana esibhedlele. Ukubhiyozela kokungena kwabantwana ebudodeni kungenziwa kungekho makhaya alilayo, kungekho bantwana babhubhileyo okanye baphulukene nobudoda.

Amakhulu amane amadoda angenabudoda kuthetha ukuba ayafana namadoda abuleweyo loo madoda. Kaloku indoda enganalo ilungu lobudoda ayinakuze ilikhulise ikhaya layo, yona yeyokugqibela eyakuphila phantsi kwegama layo.

Maboluselwe esibhedlele besazalwa aba bantwana ukuze kukhuseleke ikamva lamakhaya nelizwe.