UMokotjo angayidlale iBafana Bafana

Kamohelo Mokotjo is challenged by Thamsanqa Gabuza during the South Africa Senior men team morning training on 22 March 2016 at UJ Soweto Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Emva kweeveki ezimbini lingacaci kakuhle ikamva likaKamohelo Mokotjo kwiqela lesizwe, ngoku uyindoda ekhululekileyo kwakhona emva kokunikwa iimpepha-mvume ezimnika ilungelo lokuba ngummi woMzantsi Afrika. Ezi ndaba zidizwe lisebe leZekhaya izolo emalanga. Ingxelo ekhutshwe nguMphathiswa uMalusi Gigaba ithe:

Umphathiswa usebenzise igunya lakhe alifumene kuSection 13(3)(a)(i) kumthetho woMzantsi Afrika ka’1995 (Act No. 88 of 1995), ukuvumela okanye ukunika ilungelo elipheleleyo umnumzana uKamohelo Mokotjo ukuze abengummi waseMzantsi Afrika. Lo kaMokotjo wafumana imvume yokuba ngummi waseDutch kwinyanga yokugqibela kunyaka ophelileyo, ngaloo ndlela wathi waphulukana nelungelo lakhe lokuba ngummi waseMzantsi Afrika. Umphathiswa uphumeze esi sicelo emva kokuba lo mdlali enze isicelo ngokusesikweni.

Njengokuba namhlanje iBafana Bafana iqubisana neGuinea-Bissau kumdlalo wobuhlobo eMoses Mabhida Stadium, umqeqeshi obambeleyo u-Owen Da Gama, angamnika ithuba lokudlala uMokotjo. Lo mdlali wakukhalala ukuba nummi waseMzantsi Afrika emva kokuxabana noShakes Mashaba ogxothwe yiSafa phambi konyaka ophelileyo. Emva komdlalo wanamhlanje, iBafana Bafana, intingela eMonti – apho izakudlala ne-Angola ngokuhlwa ngoLwesibini eBuffalo City Stadium.

Abadlali abazakuqala umdlalo namhlanje:

Bafana Bafana vs Guinea-Bissau: Khune, Mphahlele, Hlatshwayo, Mathoho, Langerman, Dolly, Mokotjo, Furman, Zwane, Serero, Erasmus.

Amalalela: Keet, Coetzee, Gordinho, Thopola, Kekana, Mnyamane, Jali, Mabunda, Tau, Manyama, Veldwijk, Singh.