IDowns igqugqise eHolland!

Ugonyamelo lweMamelodi Sundowns lunwenwele kwihlabathi lonke. Oku kuza emva kokuba iSundowns edlala kwiMultiChoice Diski Challenge lizenzele igama phesheya kolwandle ngokubetha iqela elibizwa ngokuba yi-Ichifuna FC yaseJapan ngo’1-0. Eli qela liphumelele le ndebe emva kwegowuli elinye emdlalweni elifakwe nguTebogo Reed.

IiBrazilians ezisencinane zibethe amaqela afana ne-Excelsior Rotterdam ngo’2-0 phambi kokuya kumdlalo wamagqibela kankqoyi izolo. IMamelodi Sundowns ithathe inxaxheba kolu khuphiswano beluseHolland emva kokuba ibeziintshatsheli zika’2017 kwiMultiChoice Diski Challenge apha eMzantsi Afrika. Impumlelo yala madyongwana eDowns ilandela ekhondweni leqela elidala eliqeqeshwa nguPitso Mosimane elithe lazuza indebe yePSL, iCaf Champions League neSuper Cup.

Le mpumelelo yeSundowns kolu khuphiswano belubanjwe eHolland yinto enkulu ngoba ithetha ukuthi lo nto iqela likaPitso linalo ihlumelo futhi noMzantsi Afrika wonke uyakuxhamla. UDavid Notoane, umqeqeshi wezi dyongwana, uwaqhwabele izandla amakhwenkwe wakhe watsho ebulela umongameli weSundowns umnumzana uPatrice Motsepe nomqeqeshi weDowns endala uPitso Mosimane.

“Ndinebhongo ngento eyenziwe ngaba badlali bethu kwaye nam ndiyakuvuyela ukuba yinxalenye yale mbali bayenzileyo. Manditsho ukuba sifunde lukhulu kwiqela lethu elidala ngakumbi indlela elidlala ngayo xa lingaphandle kwemida yoMzantsi Afrika. Ndiyaqonda ukuba lo nto isosulele nathi. Ndiyambulela uPitso neqela lakhe ngokusinika inkxaso, abaphathi bethu nomongameli,” utshilo uNotoane kwikhasi lomnatha leDowns.