Da Gama: Liqaqambile ikamva leBafana Bafana

Thabo Senong and Owen Da Gama of South Africa during the AFCON Qualifier match between South Africa and Mauritania 02 September 2016 at Mbombela Stadium Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Abadlali beqela lesizwe lebhola ekhatywayo, iBafana Bafana, babile besoma enkampini ukusukela ekuqaleni kwale veki belungiselela imidlalo emibini. Kaloku le yiveki yemidlalo yamazwe ngamazwe ngokwesicwangciso seFIFA. UMzantsi Afrika unedinga neGuinea-Bissau kumdlalo ozakube useMoses Mabhida Stadium ngo’15:00 ngoMgqibelo. Emva komdlalo iBafana Bafana izakuntingela eMonti, kwiphondo leMpuma Koloni, apho izakuqubisana noomakhelwane, i-Angola, kumdlalo wobuhlobo eBuffalo City Stadium ngo’19:00 Lwesibini weveki ezayo.

Umqeqeshi obambeleyo, u-Owen Da Gama, uthi xa ejonge abadlali abakhoyo kwiqela lesizwe ngoku enkampani, ubona ikamva eliqaqambileyo kwibhola yoMzantsi Afrika. Kodwa konke oko kuxhomekeke kwindlela elidlala ngayo ebaleni. Lo kaDa Gama unconyiwe kakhulu ngabantu emva kokuchonga iqela eluxutywe kakuhle ngabadlali abanamava nabo basakhulayo – ekulindeleke bafumane ithuba lokudlalela iBafana Bafana okokuqala kule midlalo izayo. Namhlanje aBafana Bafana babethe iGolden Arrows edlala kwiPSL ngo’1-0 kumdlalo wokuzilolonga phambi kwalo useThekwini ngempelaveki. Kulo mdlalo uDa Gama ubuye encume olukaBhulankethe, woneatyiswe ngumsebenzi omhle owenziwe ngamakhwenke wakhe.

“Into endiyibone namhlanje iyamangalisa, andiyikholelwa! Ndagqibela kudala ukubona ibhola entle ngolwa hlono,” utshilo uDa Gama.

“Ndonwabile kakhulu. Lo nto iyingxaki enkulu kum ngoba [ngoku] yenza kube nzima ukukhetha xa abadlali bedlala kakuhle ngolu hlobo – yinto entle kodwa leyo. Yeyona ngxaki endiyifunayo leyo ngoku. Ndinethemba kakhulu xa ndijonge ikamva leBafana Bafana, umoya phakathi kwabadlali mhle kwaye nemozulu intle. Sijonge phambili kumdlalo wempelaveki. Ndiyaqinisekisa abadlali bethu baza kudlala umdlalo omhle,” utshilo uDa Gama.

Pedro Maphelo's photo.

South Africa players during the 2017 International Friendly South Africa Training Session at the Moses Mabhida Stadium, South Africa on 23 March 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix


Nangona iGuinea-Bissau ililizwe elincinane ngokwasebholeni – kodwa lizibonakalisile kwi’2017 Africa Cup of Nations [Afcon] ebiseGabon ekuqaleni kwalo nyaka ukuba iyakwazi ukudlala ibhola nokujijisana namazwe aziwayo. Umqeqeshi weBafana Bafana akalijongeli phantsi eli lizwe konke konke.

“Ngoko kwam ukubona, iGuinea-Bissau, lelinye lamazwe afuna ukubonisa ukuba ayakude ebholeni. Basazama ukuzibonakalisa ebholeni. Ndicinga ukuba indlela edlale ngayo kwi-Afcon bayibonile abantu. Abangawo amafoko-foko tu. Amava endinawo andifundisa ukungajongeli phantsi naliphi ilizwe apha e-Africa,” utshilo uDa Gama.

Kucacile ukuba uDa Gama ufuna impumelelo kumdlalo wangoMgqibelo – kodwa kwelinye icala akafuni ukuyidelela iGuinea-Bissau. Baninzi abadlali abafuna ukubethelela iindawo zabo kwiqela lesizwe. Lo nto ingawenza lula msebenzi wakhe ngoba abadlali banxanelwe ukudlala.