Amasela awanambulelo ngeMasibulele

Umzali ongu Luleka Mfiyale, eme ecaleni kwendawo eqhekeziweyo eMasibulele

Baphelelwa ngumonde abazali babantwana besikolo sabaqalayo iMasibulele NU 1 eMdantsane ngenxa yokusilela kwamapolisa.


Izaphula-mthetho ziqhekeza esi sikolo rhoqo. Ingxelo yenqunu enguThantaswa Bushman ithi zizihlandlo eziliqela eli ziko labantwana liqhekezwa amapolisa aseMdantsane engathathi manyathelo.


“Kule nyanga iphelileyo besiqhekezelwe kwathatha ukutya, izinto zokudlala, iincwadi zokufunda nezixhobo zegadi nezinye izinto. Amapolisa awazange enze nto siwachazele!” uthethe watsho uBushman.


Uthi la masela aphindile nakule inyanga yoKwindla; emnka nezinto zexabiso kwesisikolo sokukhulisa abantwana.


“Emva kwale holide ibikhona sibuye kuqhekeziwe kwakho. Safika kuthathwe izinto ezincedisa ukufunda kwaba bantwana,” utsho ekhathazekile unqununu.

Ngabantwana abangamashumi asixhenxe anesihlanu abafunda kweli ziko laseMasibulele.

Omnye wabazali abathathe inxaxheba kuqhankqalazo obelusinge kwisikhululo samapolisa saseMdantsane, uLuleka Mfiyale, uthe badiniwe ngamapolisa ale ndawo. “Sidiniwe yile nto yenza kule ndawo, kuba abantwana bethu bafunda apha. Asiyazi kutheni amapolisa engade abambe umntu apha kuba sinabo ubungqina obunokunceda ukubamba abatyholwa,” kutsho uMfiyale.

Batyhola amapolisa ngokungakhathali ngeziganeko zokuqhekezwa kwale ndawo.

“Sizakuza apha kwakhona sinyanzelisa ukuba la mapolisa asixelele ukuba awakwazi ukwenza umsebenzi wokukhusela abantwana bethu,” kutsho uMfiyale.


Ukanti amapolisa aseMdantsane awakwazanga ukusinika impendulo ngeyona nto iqhubekayo ngamatyala afakwe kwesisikhululo malunga nesisikolo.


Amapolisa anyanzelise ukuba kuthethwe nesebe lawo lonxibelelwano elingakhange lifumaneke.