Oonoteksi baseKapa balwela iDelft

Iteksi ebethwe ngamatye yaze yayokutshayisa ibhasi eKapa Umfanekiso: Bheki Radebe

Izinto zime ngxi eDelft, kude kwavalwa nerenki yeeteksi ngenxa yomlo ophakathi kweCape Amalgamated Taxi Association (CATA) neDelft Taxi Association (DTA). 

Othethela amapolisa uWarrant Officer Brian Daniels uthi, “sincame sayivala le renki ngenxa yobundlobongela obukhokelele ekubeni ngentsasa yanamhlanje kubethwe ngamatye enye itaxi. Kungelishwa ukuba kukho isikolo esikufutshane kakhulu kule ndawo.”

Kwisikolo samabanga aphantsi iSunray, inqununu uRolland le Roux uthe, “abanye abazali bavakalise inkxalabo ngokhuseleko lwabantwana ndabavumela ukuba babathathe abo bakhoyo ezindlini. Ukuqinisekisa ukuba akukho bantwana baphoswayo ziimviwo sizinqumamisile de kubekho ucwangco, babuye bonke abantwana kwa nootitshala kuba abanye bayachaphazeleka – abakwazi ukuza esikolweni ngenxa yokuba le ndawo ivaliwe ngamapolisa.” 

Oka Le Roux uthi bakunxibelelwano namapolisa malunga nesimo salo mlo woonoteksi ukuzama ukuqinisekisa ukhuseleko lwabantwana nootitshala.

Baqikelelwa kwisibini abaqhubi beeteksi abathe basweleka kule ngxwaba-ngxwaba esele ineentsuku iqhuba. Kukwakho nabakhweli abonzakeleyo. 

Ingxelo zidiza ukuba imbambano phakathi kwale mibutho kukonyulwa kwebhunga elizakongamela kwingingqi yaseDelft nalapho iCATA ibanga ngelithi makuphathe yona kuba yiyo eyaba kula ngingqi phambi kweDTA logama iDTA isithi makulawule yona kuba yilokishi yabo iDelft.

Kulo mlo kuchaphazeleke iiteksi ezisuka kule lokishi zisingisa edolophini eKapa, nezo zisuka eNyanga zisingisa edolophini eKapa.