Umqheliswa woMzantsi Afrika uqwabaze amaNdiya emdlalweni weqakamba

Umdlali weqakamba omtsha kwiqela lesizwe, uTony de Zorzi, wenze ezibukwayo emdlalweni omkhulu kule veki. Indedeba yakwaDe Zorzi izenzele igama elihle kwiqakamba yehlabathi ngokufumana imitsi elikhulu elishumi elinethoba (119/122) emdlalweni wovavanyo obuphakathi koMzantsi Afrika ne-India kwibala laseSt Geoge’s Park obungoLwesibini.

UDe Zorzi, 26, ngumdlali osemtsha kwiProteas – kodwa ukhawuleze wazibonakalisa emva kokuba wanikwa ithuba lokudlala emidlalweni yovavanyo neyosuku olunye eyayiphakathi koMzantsi Afrika neWest Indies ekuqaleni kwalo nyaka uphulayo ngoku. Okuthe kwaphinda kwakuhle kukuba uMzantsi Afrika uyibethe ngoothinti abasibhozo i-India. Emva komdlalo, uZorzi uvakalise uvuyo olukhulu.

“Ngethuba lemidlalo yetumente ekuthiwa yiT20, yonke imidlalo siyidlalele apha eSt George’s. Bekumnandi kukho izinto ezikhalayo – bekwahlukile ngoba bendidlalela iqela lesizwe emdlalweni othatha usuku lonke. Okumnandi kukuba uxhaswa lilizwe lonke xa udlalela iqela lesizwe,” utshilo uDe Zorzi emva kokuzuza imitsi engaphaya kwekhulu. “Indlela endiziva ngayo inomahluko. Kuhle ukothula umakarabha wam ndibe ndisiva abantu bekhwaza igama lam.

“Ndivuye kakhulu futhi nendlela ebendiziva ngayo ibikhethekile,” utshilo uDe Zorzi emva komdlalo. Njengokuba uMzantsi Afrika udlale kakuhle kwitumente yehlabathi ebise-India nakubeni ungabuyanga nayo indebe – abaqeqeshi bakhangela abadlali abaza kuwunceda kwitumente yehlabathi elandelayo ngo2027. Iza kube ibanjelwe apha eMzantsi Afrika, eNamibia naseZimbabwe ngokubambisana.