Usizi lokubhubha kwabantwana esuthwini

IKomishini yenkolo, amasiko neelwimi kweli ikhala esimantshiyane ngentlungu yokubhubha kwabakhwetha eMpuma Koloni.

Oku kusemva kokuvakala kweendaba zokuba ngabakhwetha abangamashumi amathathu ananye ababhubhele esuthwini eMpuma Koloni.

UNjingalwazi David Mosoma uthi basentlungwini ngenxa yeziganeko zokubhubha kwabantwana eMpuma Koloni. “Sizilile, sifake iintloko phakathi kwemilenze ngenxa yale meko, kwaye sikubona ukubhubha kwaba bakhwetha nje ngeziganeko ekungamelanga ukuba ziyenzeka,” kutsho uMosoma.

Uhambisa athi kufuneka ukuba kude kufumaneke abo kumele ukuba bathabathe uxanduva ngeziganeko zokubhubha kwabakhwetha.

“Umthetho awuthotyelwa eMpuma Koloni, kwaye oko kubangela ingxaki kwisiko lokwaluka, bayafa abantwana esuthwini,” kucacisa uMosoma. Ngokwengxelo yokugqibela malunga noku, ngabakhwetha abangamashumi amathathu ananye ababhubhele esuthwini.

“Isithili saseOR Tambo sihlala sihamba phambili minyaka le, kuthiwa balishumi elinanye abantwana ababhubhe esuthwini kwisithili saseOR Tambo,” uhambisa atsho uMosoma.

Kudala uRhulumente weli esenza iinzame echitha imali ngelizama ukuthintela ukwanda kweziganeko zokubhubha kwabantwana ebakhwetheni.

Nje ngenxalenye yoku ooMasipala kwizithili nakooMasipala abancinci kwasekwa iikomiti ezijongene nengxaki yokubhubha kwabakhwetha.

“Kufike ixesha lokuba ingxaki yokubhubha kwabakhwetha iyeke ukungaziwa ukuba yingxaki kabani, ingakumbi eMpuma Koloni, kufuneka kulandelwe umthetho wolwaluko nje ngoko ubhaliwe,” utsho uMosoma.

Ukususela ngomhla wesithathu kwinyanga kaNovemba, kuvulwe ixesha lolwaluko ukuze abantu baseMpuma Koloni nakuzwelonke bathumele abantwana babo esuthwini. Ithethwa ngomlomo mihla le into yokuba mabaye bephila babuye bephila, kodwa babhubha mihla yonke.

Ngamakhaya angamashumi amathathu ananye azakuzila endaweni yokubhiyoza eMpuma Koloni ngenxa yokubhubha kwabantwana esuthwini.