Imbaleki ephume izandlali eMzantsi Afrika nakwihalabathi kwimigama emide, uBongmusa Mthembu, uyintshatsheli yeComrades
Lo kaMthembu yimbaleki yesibini eMzantsi Afrika ephumelele le ntshinga izihlandlo ezibini emva kukaBruce Fordyce owayiphumelela ngo’1990. Akukho mbali intsha yenziweyo kwicala lexesha kweli ityeli ngoba ukhuphiswano beluthande ukuba lushica kakhulu – kangangokuba oyena mntu ophumeleleyo akacacanga kwangoko kolu gqatso ngenxa yokusokolisana obekuphakathi kukaMthembu nembaleki yaseZimbabwe egama linguHatiwande Nyamande – ebambe indawo yesibini kwixesha eliyi-5:38:48. Indawo yesithathu othathwe nguGift Kelehe.
UMthembe uhambe nesiqhu samadoda ixesha elide bekhokelwa nguCharles Tijane weMaxes Elite ixesha elide – kodwa kuthe xa kusondelwa kwiyure yokugqibela – kwacaca amadoda emakhwenkweni. Ezinye iimbaleki ezaziwayo ezilandeleyo ziquka uLudwick Mamabolo, uDavid Gatebe noThobani Cagwe.
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!