UMunyai uyayiyeka ibhola ekhatywayo

Ikapteni ye-University of Pretoria uTebogo Monyai ubhengeze izolo ukuba ubeka phantsi kwibhola ekhatywayo.

Nangona abantu abaninzi beza kuyo yamanisa nokungaqhubi kakuhle kweqela lakhe into yokuyeka kwakhe, kodwa lo mdlali ebekhe wachaza ngaphambili ukuba le yisizini yakhe yokugqibela kwibhola ekhatywayo. UMonyai khange afumane xesha laneleyo lokudlala phantsi komqeqeshi uShaun Bartlett. Ngomso uzakudlala umdlalo wakhe wokugqibeka kumaTuks xa eliqela lidlala neHighlands Park. AmaTuks sele ehlile azakudlala kwiNFD kwisizini ezayo, kwaye uMunyai uza kudibana nabaphathi beqela ukuthetha ngekamva lakhe.

“Sisenomdlalo esiza kuwudlala ngoLwesithathu. Izakuba ngumdlalo wam wokugqibela nje ngomdlali. Ndizakudibana nabaphathi kunge kudala ukuthetha ukuba ndiza kuthini na ukuya phambili. Ndikulungele ukudlala kweliqela kodwa ndisenza umsebenzi owahlukileyo,” uMunyai uxelele amajelo eendaba.

Le nzalelwane yaseLimpopo iqinisekile ukuba amaTuks azakubuyela kwakhona kwiPSL.