UPercy Tau uthi uMzantsi Afrika uyaya kwi-2019 Afcon!

Percy Tau of South Africa score goal pass Antony Sillva of Paraguay during the 2018 Nelson Mandela Challenge match between South Africa v Paraguay at Moses Mabhida Stadium, Durban on 20 November 2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Kukhangeleka
ngathi kungenzeka into embi eseyithanda ukwenzeka ukuba aBafana Bafana bayoyiswa
kukuzibekela indawo kwi-African Cup of Nations kwakhona. Intandabuzo ibangelwa
yimeko elikuyo iqela lesizwe phambi komdlalo wokugqibela ohlakulela iAfcon
ekunyaka ozayo eCameroon. UMzantsi Afrika udlale ntanganye ngegowuli elinye
macala (1-1) neNigeria emdlalweni obuseFNB Stadium ngoMgqibelo weveki
ephelileyo. Inqaku elinye elifunyenwe yiSuper Eagles liyingenise galakangqa
ngaphakathi kwi-Afcon ka-2019. Kanti bona aBafana Bafana kufuneka begqithe
kwiLibya ebethe iSeychelles ukuze bakwazi ukuzibekela indawo kwitumente
ye-Afrika. Linye jwi inqaku elidingwa nguMzantsi Afrika – qha ingxaki yimeko
elikuyo ngoku emva kokungakwazi ukubethwa iLibya neSeychelles emidlaleni
ekwakufuneka liphumelele kuyo iqela likaStuart Baxter.

Nangona ilizwe
ligutyungelwe lunxunguphalo nokulahleka kwethemba ebantwini ngenxa yendlela
engancumisiyo abadlala ngayo aBafana Bafana – kodwa indlela abadlali ababini,
uPercy Tau noLebo Mothiba, abazimisele ngayo emidlalweni yeqela lesizwe – inika
ithemba. UMothiba ufake igowuli kwiNigeria ngempelaveki egqithileyo. Yena uTau
ufake igowuli ngomzuzu wokugqibela emdlalweni weNelson Mandela Challenge ophele
ngo’1-1 phakathi koMzantsi Afrika nelizwe laseParaguay ngoLwesibini ebusuku
eMoses Mabhida Stadium. Njengokuba iqela likaStuart Baxter belidlale umdlalo
ophucukile xeshikwenye liqubisene neNigeria – kodwa lisinde ngolambisa
kwiParaguay ngenxa yomdlalo walo obungadibenanga ncam. Ukutshintshatshintsha
kwendlela abadlala ngayo aBafana kuko okubangela abantu balahlekelwe lithemba
futhi bangayi nasebaleni xa bedlala.

Njengokuba kukho
ukuthandabuza ebantwini – kodwa uPercy Tau uthi uqinisekile ukuba uMzantsi
Afrika uza kuya kwi-Afcon. Anika ithemba amazwi wakhe ngoba ngoyena mdlali oqaqambileyo
kwiBafana Bafana. “Ndicinga ukuba siza kuya kwi-Afcon. Into efunekayo kukugcina
nje indlela esidlala ngayo ndawonye ukuya kunyaka ozayo,” utshilo uTau.
Ephawula emva kokudlala neParaguay, uTau uthe umdlalo ubunzima ngenxa yegowuli
elifakwe kubo kwangoko emdlalweni. “Bekunzima ngoba kufakwe igowuli kuthi
kwangoko emdlalweni. Sizamile ukusebenzisa amacebo wethu – kodwa ingxaki
ebesinayo kukuba besingabazi, ibingabadlali abasebenzisa amandla futhi ibhola
yabo ibibaleka,” utshilo uTau.