Igoduka ibokoboko macala iEquatorial Guinea yinduku yeBanyana Banyana

Thembi Kgatlana of South Africa dribbles past Lucrecia Bobaila of Equatorial Guinea during the 2018 TOTAL African Womens Cup of Nations match between Equatorial Guinbea and South Africa on the 21 November 2018 at Cape Coast Stadium, Ghana / Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Ukuzithemba
enkampini yeqela lesizwe lamantombazana, iBanyana Banyana, kunyukile emva
kokuphumelela imidlalo emibini kuGroup B kwiWomen’s Africa Cup of Nations
esingathwe lilizwe laseGhana. Ilizwe lase-Equatorial Guinea libokoboko macala yinduku
yoMzantsi Afrika emva kokuolibetha ngamagoquli asixhenxe kwelinye (7-1)
kumdlalo obumhle eCape Coast Sports Stadium ebusuku izolo. Impumelelo yabadlali
bakaDesiree Ellis kwimidlalo emibini kubabeke phezulu kwiGroup B – kodwa kusafuneka
basebenze emdlalweni ozayo ukuze baqinisekise indawo yabo kumjikelo olandelayo.
Abadlali abafake amagowuli weBanyana Banyana nguThembi Kgatlana (ufake
amabini), uLinda Motlhalo, uNompumelelo Nyandeni, uJermaine Seoposenwe,
uRefiloe Jane no-Amanda Mthandi.

Kuyiwe kwixesha
lokuphumla uMzantsi Afrika ubhakuzelise umnatha kabini – kodwa nayo iEquatorial
Guinea
ikwazile ukufaka elinye lokubika ekhaya. Abadlali boMzantsi Afriaka bawulawule
umdlalo kwisigaba sokuqala; into nje akhale ngayo kakhulu uDesiree Ellis
kukuphisa ngebhola endaweni yokulawula umdlalo ngendlela efanelekileyo. Izinto ziye
zajika kwisigaba sesibini somdlalo ngoba aBanyana Banyana babuye belume
ongezantsi futhi begalela amagowuli ngendlela engenambaliso. Umqeqeshi weBanyana
Banyana uyivuyele kakhulu impumelelo ezuzwe liqela lakhe – kodwa kwangaxeshanye,
uvakalise ukungaxoli yindlela elidlale ngayo kwisigaba sokuqala emdlalweni
wayizolo. UDesiree uthe indlela abadlali bakhe abayilahle ngayo ibhola
akayithandanga kwaye ibe nefuthe kwindlela abadlale ngayo.

“Ngexesha
lokuphumla sithethile ngokubaluleka kokwabelana nokugcina ibhola kuthi. Sithethile
ngokudlala iibhola ezinde – eyona nto ebe lichaphaza elibi emdlalweni wethu
kuba ingeyiyo indlela yethu yokudlala. Kunyanzelekile siyibethe iZambia ngoba
amanqaku amathathu ayakucacisa indlela yethu eya kumjikelo olandelayo. Kufuneka
siye kuyo ngokuzithemba, sidlale ngendlela yethu ngoba siyazana nayo kakhulu,”
utshilo uEllis emva komdlalo.

Isekela
likaKapteni, uRefiloe Jane, uthe limchulumancisile igowuli alifakileyo
emdlalweni. “Ukuba iqela liphumelele, wonke umntu uphumelele. Kuyandivuyisa
ukuba phakathi kwabadlali abafake amagowuli. Leyo yinto endisoloko ndizama
ukuyiphucula emdlalweni wam. Ukuphumelela kwethu kufunqule ukuzithemba kuthi
phambi kokudibana neZambia. Umdlalo uza kubanzima ngoba kukho imbali phakathi
kwethu nabo (iZambia),” uvale ngaloo mazwi uJane.