URabada uyophule amalungu i-Australia

UKagiso Rabada uphinde wabonakalisa isakhono sakhe kwiqakamba yehlabathi kumdlalo wovavanyo wokuqala obuphakathi kweeProteas ne-Australia, eGuyana Stadium ngoLwesibini.

IiProteas ziphumelele kulo mdlalo ngemitsi engamashumi amane anesixhenxe, kwaye uRabada ukwazile ukufumana oothinti abathathu kwixeshana elincinci.

Ngendlela aqhube ngayo ukwazile ukunceda iiProteas zikhusele imitsi yazo esezantsi eyi-189 kwimijikelo engamashumi amahlanu.

URabada encedisana nabanye abagisiseli baqhube kakuhle kakhulu, bakhuphe bonke abadlali be-Australia beqhoke nje imitsi eyi-142.

Ngaphandle kwaba thinti bathathu bawiswe nguRabada nabanye abadlali badlale indima enkulu.

Ogibisela ngesandla sasekhohlo uWayne Parnell uzibonakalisile ukuba ubuyile kwiProteas wawisa oothinti ababini, kwimitsi engamashumi amabini anesithathu. U-Aaron Phangiso kunye no-Imran Tahir bawise oothinti ababini umdlali emnye.

Umdlali obedlala okokuqala kwiiProteas uTabraiz Shamsi naye uvakalise ulwamvila wenza nombulelo ngokufakwa kwakhe ngokuwisa uthinti.

Oyena mdlali uqhokre kakhulu kwi-Australia ngu-Aaron Finch othe wenza imitsi engamashumi asixhenxe anesibini. Abadlali abaphinde bangena ezintini kwi-Australia emva koku khange benze mahluko kwaphela.

IiProteas zona khange zitakise ntlantsi kwaphela xa ziphethe iphini, zigqibelise ukwenza into encomekayo ngoku bezigibisela.

Abadlali abaqalileyo kwiqela lalapha ekhaya nguHashim Amla, AB De Villiers kunye noQuinton de Kock.

Ihlelo labaqhokri belime ngolu hlobo nakumdlalo wokuqala phakathi kweeProteas neWest Indieas.