URassie uyiphekela amaqhinga amatsha iNgilane

UTendai Mtawarira noSiya Kolisi woMzantsi Afrika becula umhobe wesizwe ngethuba lomdlalo wombhoxo phakathi koMzantsi Afrika neNgilane eEllis Park, eRhawutini

Umqeqeshi waMabhokobhoko, uRassie Erasmus, uthi kukho izinto ezintsha afuna ukuzivavanya kumdlalo wangempelaveki nangona kungekho nto emnyanzelayo.

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika, phantsi kwesikhokelo sikaSiyamthanda “Siya” Kolisi, lilungiselela ukungquzulana nelizwe laseNgilane kumdlalo wovavanyo wesibini oza kube ungentsimbi yesihlanu eVodacom Park Stadium, eBloemfontein, ngoMgqibelo.

USiya noRassie bapheka amaqhinga amatsha wokubetha iNgilane ekulindeleke iye kwiBoks inomsindo.

Amabhokobhoko akanazo iingxwelerha phambi kwalo mdlalo futhi adlamkile emva kokubetha iNgilane ngo’42-39 kumdlalo wokuqala wovavanyo obubanjelwe kwibala lembali iEllis Park Stadium ebigcwele ime ngeembambo kwiveki ephelileyo.

URassie ukhwebe igqala uSchalk Brits (37), injongo yokubiza lo mdlali kukuba uncwase ukuba abonise indlela kwigquba labadlali bakhe abatsha kwimidlalo yehlabathi njengalo wangempelaveki.

Kunzima ukutshintsha abadlali ababethe iNgilane ebiphala phambili emdlalweni – kodwa umqeqeshi uthi ufuna ukusebenzisa le midlalo ukuze ajonge izinto ezithile. Konke okwenziwa nguRassie ngoku ukwenza egxeleshe indebe yehlabathi ekunyaka ozayo.

Ukudlala neNgilane kunika ithuba elihle lokulungiselela lo nto kwaye ikwalilo nethuba labadlali lokumbonisa umqeqeshi ukuba bakulungele ukumela ilizwe labo kwindebe yehlabathi.

AmaBhokobhoko abethwe yiWales kumdlalo obuseWashington kwiiveki ezimbini ezidlulileyo phambi kokubetha amaNgesi ekhaya kwiveki ephelileyo phantsi kukaRassie Erasmus.

“Jonga, ndiyarhalela ukungalitshintshi iqela labadlali abadlale kwiveki ephelileyo – kodwa kukho izinto esifuna ukuzizama. Sinemidlalo elishumi elinesithandathu qha eshiyekileyo phambi kwendebe yehlabathi. Awukwazi ukuya kwiNew Zealand, kwiAustralia nakwiArgentina ungaqinanga. Sizimisele ukuqubisana nezinto nganye nganye – kodwa kukho iinguqu ezimbalwa ezilindelekileyo. Kukho abadlali abathile esifuna ukubajonga ebaleni,” utshilo uRassie.

Amagama wabadlali abaza kuqala umdlalo eBloemfontein baza kubhengezwa namhlanje.

UMgqibelo uyakuba lusuku olubalulekileyo kwiBoks ukuba zikwazile ukuphumelela – kodwa kwakuthi chatha kuBeast Mtawarira oza kudlala umdlalo wovavanyo wekhulu.