URonwem Williams uzimisele ukulwela indawo yakhe kwiMamelodi Sundowns

Emva kweshumi elinesibhozo leminyaka uRonwen Williams engumdlali weSuperSport United, ngoku uqale ubomi obutsha kwiMamelodi Sundowns. UWilliams, 30, uye kwiSundowns elandela abaninzi oogxa bakhe abathathwe ziintshatsheli zeDStv Premiership. Lo nozinti waBafana Bafana uvumile ukuba indlela abagwija ngayo abalandeli beqela lakhe elitsha ebeyithanda. “Ndiziva ndiwongekile kakhulu kukuba yinxalenye yeqela elikhulu kwizwekazi le-Afrika,” utshilo uWilliams. “Ndiziva ndisekhaya kwaye sendingxamele ukudlalela iSundowns ukuze ndizodanisa nani (balandeli). Bendikhe ndizive sendimamele amagubu namaxilongo eSundowns ebaleni.

“Ndiyayithanda into eniyenzayo emabaleni kwaye ndiyathembisa, ndiza kuyimela iSundowns ngako konke okusemandleni wam,” utshilo uWilliams emva kokutyikitya isivumelwano seminyaka emihlanu. Le ndedeba yaseGqeberha kwiphondo leMpuma Koloni ilandela ezithendeni zikaSipho Mbule othengwe kwiSuperSport United ekupheleni kwesizini ka-2021/22. Nangona iSundowns neSuperSport United ingamaqela athengiselana abadlali kakhulu – kodwa ubukho babadlali abaninzi abasuka kwiSuperSport bubenalo ifuthe kwiisigqibo sikaWilliams obekhe wafunwa yi-Orlando Pirates.

Ndidlalile nabantu abafana noLyle Lakay, uKermit Erasmus, uTebogo Mokoena, uAubrey Modiba, uGrant Kekana. Wenka ndisemncinane uDenis Onyango – kodwa kuhle ukudibana naye kwakhe. Ndithethile nabadlali abaninzi, bonke bathe mandize kwiDowns. Kumnandi ke ukuba sendaweni enabantu obaziyo. Bathe ukuba ndifuna iindebe nokukhula ebholeni mandize kwiSundowns. Okuhle kukuba iDowns liqela elaziwayo ngokuphumelela iindebe. Ndizifumene kwiSuperSport – kodwa kuza kubakho uxinizelelo apha. Ndilungele yonke into, ndiyazi ukuba angeke kube lula – kodwa ndinawo amava. Okundichulumancisa kakhulu kukuba abaqeqeshi bandithembile,” utshilo uWilliams.