UShaun Bartlett ngumqeqeshi omtsha wamaTuks

I-University of Pretoria, iqeshe uShaun Barlett nje- ngomqeqeshi omtsha endaweni kaSammy Troughton.

UBartlett, noligqala leBafana Bafana uye wakhokelela iGolden Arrows kwi-Absa premiership, kwisizini ephelileyo, emva kokuba yayihleli khona isizini enye.

I-Arrows yathatha isigqibo sokuba ingamniki elinye ithuba uBartlett. Emva koku waye wazibandakanya neqela loMzantsi Afrika, labaneminyaka engamashumi amabini anesithathu kumalungiselelo alo emidlalo ye-AFCON, eSenegal.

UTroughton uhleli iminyaka eliqeka kwiTuks, kodwa uhamba kweli qela lihleli kwindawo yesibini ukusuka ezantsi kwiPSL. Linamanqaku alishumi elinesibini kwimidlalo elishumi elinesihlanu. Ingqonyela yeTuks, ugqirha uRendani Mulaudzi umbulele uTroughton ngemizamo yakhe kweli qela.

“Nangona sisahlukana noSammy ingekapheli isizini, sizakusoloko siyihloniphile indima ayidlalileyo nje- ngomqeqeshi nokuthembeka kwakhe iminyaka emininzi. Ebeyinxalenye yeqela lethu kakhulu,” utshilo uMulaudzi.

USammy uphefumle ngolu hlobo ngokugxothwa kwakhe: “Bathe khukho into abayidingayo, sathatyathwa isigqibo.

Bazive ngathi badinga igalelo elitsha, nekucacileyo ukuba nguShaun, ndimnqwenelela okuhle.”

chris.gilili@inl.co.za