Usikiwe uKhune emva kwezityholo ‘zokuya ejimini enxilile’

Itumeleng Khune.

Abaphathi beKaizer Chiefs bagqibe kwelokuba bamsike u-Itumeleng Khune namhlanje. Oku kulandela iindaba eziye zagcwala kumakhasi onxibelelwano kwiveki ephelileyo ezithi uKhune wafike enkampini yokuzilolonga enxilile.

Kwangaxeshanye, kubekho iingxelo ezithi iChiefs ibaphatha ngokwahlukileyo abadlali abangamakhaladi kwabo bamnyama xa benze iimpazamo. Noxa iChiefs ingatshongo ukuba uKhune ugwetyelwe ntoni – kodwa ithe uza kuthi gu bucala ade alunge.

Akukacaci nokuba ithetha ukuthini na lo nto ngekamva lakhe. Ngakumbi njengokuba esusiwe njengoKapteni weqela. “Emva kokuququmbela inkqubo yoluleko kwiveki ephelileyo, ikomiti yoluleko ithathe isigqibo esithi uKhune makanqunyanyiswe kwiChiefs kude kulunge izinto ezithile,” itshilo ingxelo ekhutshwe liqela lamhlanje emalanga. “Iqela lithathe inyathelo emva kokuba abaphathi bexelelwe ngesehlo esenzekileyo esichaphazele uKhune.

“Kuye kwabaluleka ukuba senze uphando ukuze siqinisekise ukuba iqela lisebenza kakuhle futhi lihlala libumbene. Ngethuba lokusikwa kwakhe uKhune, silindele ukuba azibandakanye neenkqubo eziza kumnceda adlule kwingxaki ajongene nayo.

Njengendlela yokuqubisana nengxaki eyenziwe nguKhune, iqela ligqibe kwelokuba limsuse njengoKapteni walo ngoku anqunyanyisiweyo. Siliqela sikholelwa ekumiliseleni izinto eziza kumnceda umdlali abe ngumntu ongcono.

“Siza kumxhasa uKhune kude kuphele ixesha lesigwebo sakhe. Xa esigqibile isigwebo sakhe, uza kubuya,” itshilo ingxelo. Emva kokubetha iMoroka Swallows ngegowuli elinye kwiveki ephelileyo, iChiefs iya kwiPolokwane City ilambele amanqaku apheleleyo ukuze ivale unyaka isendaweni ebhetele. Njengokuba uBrandon Petersen esajamelene nezakhe iingxaki, kulindeleke ukuba uBruce Bvuma abe sezipalini emva kokuqhuba kakuhle kwakhe emdlalweni ogqithileyo.