Impondo Elisha lonwabisa ngomculo walo eGqobhasi kuloMgqibelo

IMpondo Elisha kwakunye nazo zonke iimvumi ezizakube zimxhasa zikhuphisana neqonga ngomso eNompumelelo eGqobhasi.

Izakube iyinyambalala yabantu, ilulonwabo kwiholo yoluntu iNompumelelo eGqobhasi apho imvumi yomculo kaMasikhandi uSithembile Yobo nozibiza ngokuba ngu-Impondo Elisha, ezakube ephehlelela icwecwe lakhe lesibhozo (8) elithi uMoya ka Gogo.

U-Impondo Elisha, nophila nenkubazeko, uzalelelwe eMantusini eLusikisiki eMpuma Koloni, nangona ehlala eMbekweni eMonti. Le mvumi ngonyaka ka2008 yahlaselwa sisifo sePholiyo nesamshiya engasakwazi ukuhamba njengesiqhelo.

Nangona kunjalo uthi imeko awazibona sele ephantsi kwayo zange imenze ukuba angaqhubekeki nephupho lakhe lokubayimvumi.

Impondo Elisha neqela lakhe.

U-Impondo Elisha uqale esemncinane kakhulu ukuwuthanda umculo kaMasikhandi de xa kukho amatheko neziyunguma ezilalini zakhe wabenethuba lokukhwela eqongeni esonwabisa uluntu. Abantu akhule ejonge kubo bafana noMfazomnyama, ooGudla nabanye oosaziwayo bakaMasikhandi baseMpuma Koloni.

Ungaphoswa ngomso, lo msitho uzakube uqala ngentsimbi yesibhozo kusasa eNompumelelo Community Hall. Abantwana bangena ngeR20, abantu abadala yiR50.

Sele eshicilele amacwecwe amabini naneengoma eziyi15 omabini ngaphakathi. Elinye lokuqala icwecwe lithi Umuntu Wesifazana. Zonke iingoma zakhe sele zidlalwa zizikhululo zikanomathotholo zasekuhlaleni.

Ziliqela iimvumi ezilindelekileyo esingabalula ezimbalwa kuzo uKhetha Abahle, Sokalentsangu, Mfanawemagnet, Khuphuka, Mthandeninonke nabanye oosaziwayo kulo mculo.