Unyaka u2023 nezolimo

Lo nyaka ka2023 uneempawu ezixubileyo kumsebenzi owenziwe ngamafama kweli loMzantsi Afrika ukusukela oko uqalile. Unyaka ngamnye usoloko ujongwa ngempumelelo eyenzekileyo okanye izinto ezintle ezithe zenzeka kulo nyaka.

Ukukhula kwamanani wamafama amatsha angene kumanqanaba ahlukeneyo ezolimo zezinye kwiimpawu zempumelelo kumafama akowethu.

Nangona kunjalo, zisekho zininzi izikhewu ezisadinga ukusetyenzwa ukuze akhule amafama amnyama okanye asaqalayo. Ubunikazi bomhlaba yingxaki ephambili amafama agagene nayo kulo nyaka, uninzi lamafama luqhuba kakuhle kodwa kwimihlaba yengqesho okanye yemboleko.

Ukungena kwamafama amnyama kwinqanaba lokuthengisa kumgangatho wehlabathi isengumceli mngeni omandla. Xa ukhangela kwinani leegusha ezithengwa yinkampani iAlma Washi yaseMbindi Mpuma, zimbalwa iigusha ezisuka kumafama asezilalini.

Amafama amhlophe asatabhatha odwa kwintengiso yogamgangatho wehlabathi kwiimveliso ezahlukeneyo. Oku kuthetha ukuba amafama amnyama asadinga imfundiso, inkuthazo, nolwazi lokuba akwazi ukukhula.

Kukho iimbasa ezikhutsha liSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle kuzwelonke nakumaphondo. Xa uqwalasela ezi mbasa yenye yeendlela zokukhangela izinga lokukhula okanye ukuphucuka komsebenzi wamafama amnyama kwezolimo.

Kwiikhathagori ezahlukeneyo amafama aphumelela kuzo, kusekuninzi ekufanele ukuba kuyenziwa. Kuphuculwe umgangatho weemveliso ezilinywayo nowemfuyo efuywayo ngoku njalo.

Zona ziyakhuthaza, kodwa kufuneka kunyuswe iikawusi ngamandla ukuzama ukuze ezimbasa zisetyenziswe ukuphucula umgangatho weemveliso zamafama angamanina.

Imeko yokulahleka kombane kuwenze nzima kakhulu umsebenzi wokulima nokufuya. Amafama amaninzi afelwe ziinkukhu ngenxa yombane, logama amanye efelwe ngenxa yesifo somkhuhlane weenkukhu.

Ukulungiswa kwengxaki yombane akukhange kuthathelwe ngqalelo nguRhulumente welizwe loMzantsi Afrika. UWandile Sihlobo ubhale incwadi exoxa banzi ngeyantlukwano ekhoyo phakathi kwamafama amnyama namhlophe, nangona yena engakhange ayibeke ngolo hlobo. Ukubhalwa kweencwadi ezinje luphawu lokuba ngenene uyakhula, uyaphuhla umsebenzi wamafama amnyama asaqalayo.

Kukho amajelo eendaba asebenza ngeendaba zamafama eziquka iEntsimini, uMhlobo Wenene kwakunye neVukani FM eCala. Iinkampani ezithengisa iimveliso zolimo ziyasilela ukuxhasa la malinge. Kaloku ukuphila nokuma kweziko lendaba kuxhomekeka ngamandla kwinkxaso ngeentengiso.

Iinkampani ezithengisa amayeza emfuyo, ukutya kwemfuyo neempahla zokunxiba zamafama zikhetha ukufaka iintengiso zazo kumaphephandaba namaziko asebenzisa isiNgesi.

URhulumente naye uyasilela ukuxhasa lamaziko nangona lamaziko ehlala encedisa ngokubhala iindaba ezithetha ngezolimo zibonisa umsebenzi owenziwa nguRhulumente.

URhulumente usakholelwa ekufakeni imali kwiinkampani ezisasaza ngesiNgesi, kodwa xa bethetha bathi mazixhaswe iilwimi zemveli.

Akwa kunyaka ozayo u2024 zingalungiswa ezimpazamo, kuxhaswe amajelo onke ngoko msebenzi wawo kungagxilwa kulwimi lesiNgesi kuphela.

Asinakulibala ukubalula isifo somkhuhlane weenkukhu othwaxe ngamandla amfama weenkukhu. Imfazwe ephakathi kwelizwe laseRashiya neUkraine nayo ibangele iingxaki ezinkulu kumsebenzi wamafama kulo nyaka.

Buncinci ubuhlobo obukhoyo phakathi kwamafama asaqalayo kwakunye namaziko emfundo ephakamileyo, ngo2024 amaziko afana neFort Hare mawandise umsebenzi awenza namafama asaqalayo.

Hamba ke 2023.