Kokhutshiswana ngetalente eMbizana kuloMgqibelo!

ULwandile Mgqibela weUtshongo Black Legacy Media eMbizana, nokwakwezobugcisa naye.

ULwandile Mgqibela ozibiza ngegama leqonqa elithi Ixhoba Lesiba Mkhonde noyinzalelwana yaseMbizana eMpuma Koloni, kulo Mgqibelo umhla wethoba (9) kweyoMnga uzakube enomnyhadala obizwa ngokuba yi-Intsika Poetry And Acapella Music Festival. UMgqibela ukwangumnikazi weUtshongo Black Legacy Media, nenjongo yayo ikukunika iqonga iimbongi neemvumi ezisakhasayo zalammandla.

Lo mnyhadala uzakube usePhumelele Ntlanti Hall eNtelezi eMbizana, ukungena kuqala kwiR100 ukuya kwiR150.

UMgqibela uthi, wenza lo mnyhadala kuba efuna ukuba umbongo (poetry) kwakunye nohlobo lomculo weAcapella uhlonitshwe, waziwe kwaye uqatshelwe nje ngeminye.

“Enye injongo ndifuna ukuba iimvumi kwanabo bakwezobugcisa abasakhasayo bafumane ithuba lokubonakalisa iziphiwo kwanetalente yabo eqongeni.

“Ezinye zeenjongo ikwakukuba babonwe nangabantu bakwazi ukufumana namathuba angcono ukwenzele bagqame,” utshilo uMgqibela.

UMgqibela uqhube wathi, lo mnyhadala bawuqala beyiUtshongo Black Legacy Media ngo2019 apho wawubizwa njengeMbizana Poetry Festival, kodwa bakhe bama ngenxa yesifo seKhorona ngo2020 nango2021.

Kulo nyaka iwubuyisile lomnyhadala nowubuye sele uyi-Intsika Poetry And Acapella Music Festival. Uthi igama litshintshwe kuba befuna nokuba nabanye abafuna ukuthabatha inxaxheba abakwezinye iidolophu zeMpuma Koloni bazive bamkelekile.

Uthi ngethuba beqala ngo2019 bakhupha kubo empokothweni bengenankxaso kwanesibonelelo kodwa uthi wayenza yabayimpumelelo kuba injongo yakhe yokuphuhlisa abanye yafezeka.

Uthi kulo unyaka bafumene inkxaso kwiMzantsi Golden Economy Funding nathi unethemba lokuba bakuye bekhula bafumane nakwezinye iindawo kwaye kukhule neemvumi ezithatha inxaxheba.