USinyabi ufuna ukuvelisa iintshatsheli zamanqindi

Owayesakuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lweJunior Feather, uMacbute “Macman” Sinyabi, uthi ufuna ukuvelisa iintshatsheli zehlabathi.

USinyabi, osungula inkampani yakhe kutshanje ebizwa ngokuba yiMacman Take Over Promotions, uququzelela itumente yakhe yokuqala kwinyanga ezayo eOrient Theatre.

Emva kokuchitha ixesha elide eGoli, le ndedeba icinga ukuba amava ewafumene ngethuba iseyimbethi manqindi aza kuyinceda kumsebenzi wayo omtsha.

“Ndiyazazi izinto ezibalekisa iimbethi manqindi eMpuma Koloni. Loo mava aza kundisebenzela kakhulu njengomququzeleli,” utsho uSinyabi.

USinyabi wayeka ukubetha inqindi ngo2017 emva kweminyaka elishumi elinanye, ngoku uthi ufuna ukuvelisa iimbethimanqindi.

“Umnqweno wam kukuvelisa iimbethimanqindi ezisakhasayo. Ndifuna ukuphuhlisa zona.Ndinqwenela ukubane tumente nokuba zine ngonyaka ndigxile kuphuhliso,” utsho uSinyabi.

Nangona zawa phantsi iinzame zakhe zokuba yintshatsheli yehlabathi, okaSinyabi uthi ufuna ukuvelisa iintshatsheli zehlabathi.

“Kuninzi endikuzuzileyo emanqindini – kodwa andikwazanga ukuba yintshatsheli yehlabathi. Ndifuna ukwenza iintshatsheli zehlabathi. NguZolani Tete yedwa intshatsheli yehlabathi esinayo ngoku.

Ayintlanga lo nto, baninzi abafana abanesakhono apha,” utsho.

Le tumente izakuba nempinda yomlo ophakathi kwentshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwempukane, uThembelani Nxoshe, ekulindeleke ukuba akhusele intshinga kuNtlantla Ngamntwini.

Kudidi losiba uAsanda Ginqi uza kunyathelana ngeentupha noThembelani Mooi kumlo onemijikelo emithandathu. Omnye umlo onemijikelo emithandathu, uzakube uphakathi kukaNtlantla Tyirha noSiyakholwa Kuse kwiJunior Fly.

USiphenathi Dasa noMalibongwe Mashalaba baza kuvan’ amandla kudidi lweNgcongolo. Imilo enemijikelo emine kudidi lweJunior fly iquka uSesethu Menziwa noMalakhe Sobolo nomnye oza kubaphakathi kukaSabelo Nkosi noSiphenathi Nobanda.