USiyo ucinga ngekamva lakhe

Izolo imbethi manqindi yaseDuncan Village uSiyabonga Siyo ushukumise uninzi labalandeli bakhe ngombhalo awubhale kwikhasi lonxibelelwano, uFacebook, othe “Ndiyayeka”.

Bekunzima ukwazi ukuba lo mbhalo ujoliswe enini na kuba waziwa ngabantu abaninzi njengembethi manqindi. Ixhaphakile into yeembethi manqindi iziqale zibhengeze kumakhasi onxibelelwano xa zithatha izigqibo zokuyeka okanye zifuna ukuveza izikhalazo ezinazo.

USiyo uzikhabile iintenta ezingokuyeka kwakhe amanqindi ngelithi le nto ayibhalileyo ayinanto yakwenza namanqindi.

Kwinyanga ephelileyo uSiyo olwa phantsi kweSijuta Boxing Promotions ka-Andile Sidinile ubethwe yinzalelwane yaseMthatha, uSimphiwe Khonco, kwintshinga ye-IBO kudidi leMinimum Weight.

Abanolwazi bathe into ebethise uSiyo kukuswela amava kunoKhonkco.

Izolo uSiyo uthe okwangoku usaqwalasele kwiindlela anokuthi aziphuhlise ngazo, into ezakumgcina naxa eyekile ukudlala.

“Ndisalindile, andiwazi nokuba uyakufika nini na umlo wam olandelayo. Ndingathanda kona ukulwa kodwa ndiyindoda exakekileyo. Ndizama iindlela endizakuphila ngazo emva kokuba ndiyekile emanqindini. Ndivile ukuba ndingalwa noHekkie Budler kungentsuku zatywala, kodwa akukho nto sele ityikityiwe ngoku, ndisayijonge njengamarhe,” utshilo uSiyo.

Mayelana nokuthatha ikhefu emanqindini, uSiyo uthe: “Loo nto izakuxhomekeka ekuxakekeni kwam, ndinezinto ezininzi endizenzayo kodwa ndiyawathanda amanqindi. Ndakusoloko ndiwenzela ixesha nokuba ndixakeke kangakanani na.”

UBudler yintshatsheli egqubayo yentshinga yeWBA Minimum-weight, ukhe wayikhusela le ntshinga xa wayebetha uKhonkco e-Emperors Palace kunyaka ophelileyo. Ukuba uSiyo uzakucela umngeni kuyo kufuneka aqiniseke ingakumbi ekuziqeqesheni.