USteve Komphela ulindele iChiefs ekelemileyo

USteve Komphela ulindele umdlalo onzima xa iGolden Arrows isamkela iKaizer Chiefs emdlalweni oseThekwini ngoMgqibelo umfanekiso: Sydney Mahlangu/ BackpagePix

ILamontville Golden Arrows, ekwindawo yesibhozo kwiPSL, ikude kakhulu kwiKaizer Chiefs ethe ngcu kwindawo yokuqala kodwa nangani kunjalo, kulindeleke amaqela omabini avelise umdlalo okwinqanaba eliphezulu xa edibana eMoses Mabhida Stadium ngo15:30 ngoMgqibelo.

Ezinye zezinto eziza kuba nefuthe emdlalweni kukuba iChiefs ifuna impumelelo ukuze igcine umsantsa ophakathi kwayo namanye amaqela uvulekile.

Kanti yona iGolden Arrows ikhangela amanqaku apheleleyo ukuze inyukele phezulu kwiPSL. Kodwa eyona nto abafuna ukuyibona abantu kukuba uza kuqhuba njani na uSteve Komphela xa edibana neChiefs angazange akwazi ukuphumelela iindebe esengumqeqeshi wayo iminyaka emithathu yonke.

Nangona kunjalo, uKomphela ngeke avume ukubethwa yiChiefs eyamgxotha emva kokubethwa yiFree State Stars emdlalweni weNedbank Cup owawuseThekwini.

Amakhosi aqokelele amashumi amane anesibini wamanqaku emidlalweni elishumi elinesibhozo. Emva kwawo kulandela iMamelodi Sundowns encwase ukukhusela isicoco sayo.

Abafana Bes’thende baya emdlalweni wangempelaveki benento enye ezingqondweni zabo: impumelelo kuphela emva kokudlala ntanganye nePolokwane City emdlalweni ogqithileyo. UKomphela uyazi kakuhle into elindelekileyo kwiChiefs.

“Kufuneka sigoduke ukuze sikwazi ukufumana amandla amatsha phambi kokujongana neChiefs engafuni kuvaleke umsantsa ophakathi kwayo namaqela alandela emva kwayo. Kunyanzelekile silithathe inqaku elinye esilifumeneyo kwiPolokwane ngoba liza kusinika amandla xa sisiya kwiChiefs,” utshilo uKomphela emva komdlalo ePolokwane.

Umqeqeshi weChiefs, uErnst Middendorp, uye walamkela inqaku elinye elifunyenwe liqela lakhe eThohoyandou Stadium kwiveki ephelileyo – kodwa wavuma okokuba intliziyo yakhe ibuhlungu ngoba ebefuna amathathu.

Kuza kufuneka uKomphela aliqule aligangathe ngoba iifolosi zeChiefs ezifana noSamir Nurkovic noLeonardo Castro ziza kuba yintw’ibila kuBafana Bes’thende emalanga ngoMgqibelo.