UXulu angadlalela iqela laseGoli kwisizini ezayo

USiyanda Xulu ngumdlali weMaritzburg United okwangoku umfanekiso: Gerhard Duraan/BackpagePix

Njengokuba kusondela ixesha lokuthenga nokuthengiswa kwabadlali, abaninzi baza kufumana ithuba lokuzikhethela amaqela amatsha.

Omnye wabadlali ekulindeleke amaqela atsalane ngaye nguSiyanda Xulu – ekubonakalayo okokuba akazimiselanga kuhlala kwiMaritzburg United eyamvusa engasayazi ibhola ekhatywayo.

Siza kufikelela esiphelweni isivumelwano sakhe sengqesho kwiTeam of Choice kwaye akasityikityanga esitsha nangona umanejala wakhe, uPaul Mitchell, exelele amajelo eendaba okokuba uXulu ufuna ukuhlala kwiqela laseMgungundlovu.

UXulu, 28, uvuselele isakhono sakhe sokudlala ibhola ekhatywayo kwiMaritzburg United emva kokungadlaliswa yiKaizer Chiefs iminyaka eliqela. Amahumhum athi ugacelwe liqela elikhulu kwiphondo laseGauteng.

“Umba kaSiyanda Xulu ngowona usixhalabisileyo ngoku. Isivumelwano sakhe sengqesho kwiMaritzburg siphelelwa kwinyanga yeSilimela kulo nyaka,” utshilo uMitchell kwiSAFM kutshanje.

UMitchell uvumile okokuba akukabikho qela azibophelele kulo okwangoku.

Ekuqaleni konyaka, uXulu nabadlali abafana noRichard Ofori bakhe boyanyaniswa nokuya kwiOrlando Pirates noxa kungakhange kubekho nto yenzekayo kwinyanga yoMqungu kulo nyaka.

“Akukho qela esele sivumelene nalo ngomdlali. Ndicinga uSiyanda ngumdlali osezingeni eliphezulu. Ukubuyela eGoli yinto anokuyiqwalasela ngoba kubalulekile ukuzenzela imali esenamandla. Kanti angaya naphesheya xa kukho into enesihlahla evelayo,” utshilo uMitchell.

UXulu udlalele iRostov FC yaseRussia phakathi kuka2012 no2015. Apha eMzantsi Afrika udlalele iMamelodi Sundowns neChiefs phambi kokuya kwiMaritzburg.

Ukuhamba kwakhe kungaliqhwalelisa iqela likaEric Tinkler eliqhuba kakuhle kule sizini emva kokusinda ezembeni kunyaka ophelileyo.

Kodwa ke, amaqela angenabo abaxhasi njengeMaritzburg aye angakwazi ukugcina abadlali ngenxa yokushokoxeka kwezimali.

pedro.mapelo@inl.co.za