Uyatshitshiliza umqeqeshi weSpringboks!

Umqeqeshi weSpingboks ubetha ngenqindi phantsi ngelithi akazulahla njengomqeqeshi oyintloko noxa izinto zingalihambeli kakuhle iqela lakhe.

Oku kuthethwe nguAllister Coetzee ekugalelekeni kweqela lesizwe ekuqaleni kwale veki emva kotyelelo laseYurophu.

Le ndedeba ithi izimisele ukuzilungisa iingxaki ezambethe AmaBhokobhoko. “Isivumelwano sam sengqesho siphela ngo’2019. Xa ndisehla kwesi sikhundla, ndizimisele ukushiya umzila,” utshilo uCoetzee.

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika libuye liphaca emva kokubethwa yiNgilane, amaTaliyane (Italy) neWales. Iziphumo zolu tyelelo zikhokelele ekuthotyiselweni koMzantsi Afrika kumanqwanqwa ehlabathi wayokuthi xhaxhe kwindawo yesithandathu.

Kwimidlalo yovavanyo elishumi kulo nyaka, AmaBhokobhoko abethwe kwimidlalo esibhozo yonke – into engaqhelekanga konke konke kwiqela loMzantsi Afrika.

“Ngamanye amaxesha kufuneka izinto zibembi kakhulu ukuze ziphinde zibuyele esiqhelweni. Eli lithuba leSA Rugby lokulungisa zonke izinto zayo esilela kuzo. Sakuhlangana kwiinyanga ezintandathu ezizayo ngoku – lithuba elihle elo lokucwangcisa izinto zethu ukuze sibuyele enkcochoyini kumbhoxo wehlabathi,” utshilo uCoetzee kwiintatheli.

-Pedro Mapelo