UZakri uncede iDowns kumdlalo weChampions League

UYannick Zakri, ongene njengelalela emdlalweni, ukhulule iqela lakhe lisengxakini ngethuba efaka igowuli ekube kuphela kwalo. IMamelodi Sundowns ibethe iWydad Casablanca ngo’1-1 kumlenze wokuqala womdlalo weCaf Champions League obubanjelwe eLucas Moripe Stadium namhlanje emalanga. Ngokufaniso neminye imihla, inkundla yaseMoripe ibigcwele qhu emva kokuba abaphathi beDowns begqibe kwelokuba abantu mabangeniswe simahla kulo mdlalo weCaf. Lo nto iyisebenze iSundowns ngoba abadlali bawafumene amandla kwinkxaso abayinikwe ngabalandeli.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iyinkwa nenkwa emva kokoyiswa kwamaqela omabini ukubhalisa ebhodini. Ngaphandle kwamagowuli abenqongophele, umdlalo odlalwe ngala maqela omabini ubungacacanga kakuhle. Bekubonakala okokuba iCasablanca ifuna nje nokuba ligowuli elinye yakugqiba ivale emva. Idlale umdlalo ongavulelekanga ngoba ibingafuni kufakwe igowuli kuyo – lo nto iyenze yaqhobosheka futhi yangakwazi ukuya phambili ngamandla wayo yonke.

UPitso Mosimane ubonile ukuba iqela lakhe alikwazi ukugqobhoza kwiCasablanca, uye wakhupha uSibusiso Vilakazi oqale umdlalo noLeonardo Castro phambili – waze wafaka uZakri ofake igowuli ekungeneni kwakhe. Amasandawana azakuya kumdlalo wesibini ephethe le mpumelelo. Nangoba kulindeleke zikhamane ngamandla kumdlalo olandelayo – kodwa uPitso namakhwenkwe wakhe banamava oneleyo okudlalela kwiindawo ezahlukeneyo kwizwekazi le-Afrika. Impumelelo okanye inqaku elinye enokulifumana iSundowns lakuyibeka endaweni entle kakhulu. Kwakucaca okokuba umcimbi ucalanye, umqeqeshi weDowns uye wafaka uThabo Nthethe endaweni kaCastro ongacholanga naphantsi emdlalweni kwakhona. Iqela likaPitso lidlale umdlalo namhlanje ngaphandle kwabadlali abaphambili abafana noKhama Billiat noGeorge Lebese ngenxa yokwenzakala okunyanzele umqeqeshi enze iinguqu nakweminye imidlalo edlulileyo

  

Mamelodi Sundowns: Onyango, Morena, Arendse, Madisha, Langerman, Vilakazi, Manyisa, Kekana, Zwane, Tau, Castro

Amalalela: Mweene, Nthethe, Hachi, Mohomi, Ngcongca, Zakri, Soumahoro