Yohluthwe intlak’emlonyeni iMamelodi Sundowns

IMamelodi Sundowns ibambene ngo'2-2 neHoroya kumdlalo weCaf Champions League namhlanje ebusuku. Umfanekiso: BackpagePix

IMamelodi Sundowns
iphose ithuba elihle lokufumana impumelelo emva kokudlala ntanganye kumdlalo
weCaf Champions League. Amasandawana abambene neHoroya ngamagowuli amabini
(2-2) kumdlalo obunzima kakhulu eStade du 28 Septembre ngokuhlwa kwanamhlanje. Abadlali
beDowns abakwazanga ukuchitha ibhola ebisuka ekoneni efakwe yiHoroya
sekusondele ixesha lokuphela komdlalo. Amagowuli weDowns afakwe nguKhama
Billiat obegqibelisa ukuyidlalela kunye noGaston Sirino ofake ipenela emva
kokugawulwa kukaBilliat ngunozinti weHoroya uKhadim N’Ndiaye kwisigaba sesibini
somdlalo.

     Image may contain: one or more people, people playing sports and outdoor 

Abadlali bakaPitso
Mosimane abakwazanga konke konke ukudlala umdlalo wabo wesiqhelo kwisigaba
sokuqala ngenxa yomgangatho osezantsi webala ebelilincini kunalawo abaqhele
ukudlalela kuwo. Kangangokuba bekunzima nokuhlanganisa iibhola ezimbalwa –
kodwa nakubeni bekunzima, abadlali bakwazile ukuvala emva. Njengeqela
ebelidlalela ekhaya, iHoroya iquqe ibuyelela kumhlaba weSundowns. Ngumdlali weHoroya
ogama lingu-Ocansey Mandela ofake igowuli layo lokuqala. Elesibini lifakwe ngu-Aboubacar
Camara. Ngoku iDowns ayikayifumani impumelelo kwimidlalo emibini eyidlalileyo
yeChampions League kulo nyaka kuGroup C.

Horoya: N’Diaye, Assoko,
Camara, Camara, Camara, Camara, Sebe Baffour, Mando, Camara, Mandela.

Mamelodi Sundowns: Brimah, Langerman,
Arendse, Ngcongca, Soumahoro, Kekana, Mabunda, Sirino, Vilakazi, Billiat, Tau.

Amalalela: Mweene, Manyisa,
Zwane, Brockie, Madisha, Zulu, Morena.