Zifumene impumelelo ebalulekileyo iBulldogs

Iqela lomboxo laseMonti, iBorder Bulldogs, lifumene impumelelo ebalulekileyo namhlanje eWolfson Stadium.

Iqela lombhoxo laseMonti, iBorder Bulldogs, libuye livuya emva kokubetha iCavaliers ngo’28-15 kumdlalo weSuperSport Rugby Challenge obuseWolfson Stadium, eBhayi, ngale njikalanga. Le mpumelelo ziindaba ezimnandi kwiBulldogs phambi komdlalo wayo olandelayo kwiveki ezayo. Abadlali kulo mdlalo wombhoxo bafumene lokuqaqambisa izakhono zabo. Kwenzeke kanye lo nto lo kulo mdlalo. Umdlalo ubunayo yonke into; amandla, amendu, ukunikelana ngebhola nokusetyenziswa kwenqondo ngabadlali. Zizonke ezo zinto zenze lo mdlalo ubemnandi futhi wonwatyelwe ngabantu ebebengaphaya kweshumi lamawaka eWolfson Stadium nabo bebebukele kumabonakude emakhaya.

Kumdlalo wesibini weSuperSport Rugby Challenge, iCavaliers, iye kwixesha lokuphumla inkqenkqeza phambili ngo’20-14. Oku kwenzeke emva komsebenzi oncomekayo owenziwe ngabadlali beCavaliers. Umdlalo ubutak’iintlantsi ngoba omabini la maqela ebedlala ngokukhulu ukuzimisela esebenzisa abadlali bawo abanesiphiwo esingumangaliso sokudlala umbhoxo. Iqela lalapha eMpuma Koloni, iBulldogs, nangona belihamba emva ngokwamanqaku, kodwa belityala kwaye likwazile ukulala emgceni amatyeli aliqela.

SuperSport Rugby Challenge's photo.

Izinto zijikile kodwa kwisiqingatha sesibini. IBorder Bulldogs itshintshe igiye, abadlali bayo basenzise ubukrelekrele babo bokudlala ngoba bebedlala nabadlali abanamandla futhi abakwaziyo ukudlala umbhoxo. Eli qela laseMonti lidlalele impumelelo kuphela, lo nto ibonakele ngokuthi liqinisekile ukuba liqokelela amanqaku akhokelele kwimpumelelo kulo mdlalo. Khange iziyekele kodwa nayo iCavaliers ngoba yongezile kumanqaku ewafumene kwisigaba sokuqala – kodwa ngelishwa lawo ivuke sekunzima.

USiyabulela Somdaka, ukapteni weBulldogs, uthe ukhale ngeempazana abazenzileyo kodwa wayamkela impumelelo efunyenwe liqela lakhe njengenyathelo elihle ukuya phambili.