Zimbini izinto angazithandanga uRulani Mokwena emdlweni ogqithileyo

Emva kokuba iqela lakhe lingakwazanga ukuphumelela umdlalo obalulekileyo, uRulani Mokwena uvakalise ukungoneli kwakhe zizinto ezimbini emdlalweni. Oku ukuthethe emva kokuba iMamelodi Sundowns ibambene ne’Orlando Pirates ngo’1-1 emdlalweni weDStv Premiershi obunzima eLoftus Stadium ebigcwele imi ngeembambo ebusuku ngoMgqibelo odlulileyo. UMarcelo Allende ubhakuzelise umnatha kuqala emdlalweni obuthande ukugunya ngoburhabaxa – kodwa uThapelo Xoki wayihlangula iPirates ngepenela evele sekuphela ixesha lomdlalo.

Ethetha emva komdlalo, uMokwena uthe akonelisekanga yindlela iqela lakhe elidlale ngayo. Ngaphezulu koko, wavakalisa ukungaxoli kwakhe yindlela uThando Ndzandzeka awuphethe ngayo umdlalo njengosompempe ePitoli. “Ndiyaqala ukungalithandi iqela lam. Emdlalweni udinga amaqela amathathu. Andilithandanga iqela lam futhi andiqondi noosompempe ukuba benze umsebenzi omhle namhlanje. Andingomntu ofane akhalazele umsebenzi wabo – kodwa abenzanga kakuhle namhlanje,” utshilo uMokwena emva komdlalo.

“Ilwile iPirates kwelayo icala. Kufuneka ndizibhence nam emva kokuba iqela lam lingadlalanga kakuhle. Andiyivanga tu indlela iqela elidlale ngayo. Indlela abanikelene ngayo ibhola ayindixolisanga konke konke. Ndibaxelele abadlali ngethuba lekhefu batsho badlala bhetele kwisigaba sesibini,” utshilo uMokwena. Ngenxa yokudlalana kakubi, iPirates igqibe umdlalo ngabadlali abangaphelelanga. UMiguel Timm unikwe amakhadi atyheli amabini phambi kokunikwa elibomvu.

URulani woleke ngelithi bezizininzi iziganeko ezibi emdlalweni. Njengoko bekulindelekile, uThembinkosi Lorch uye waqala umdlalo kwiqela lakhe elitsha. Oku kubangelwe kukungadlaliswa kwabadlali abasuka kwiAfrican Cup of Nations abaquka uMthobi Mvala, Aubrey Moodiba, uGrant Kekana, uKhuliso Mudau, uTeboho Mokoena, uThemba Zwane noThapelo Maseko obuye onzakele. Isahleli phezulu iSundowns eza kudibana neLa Masia emdlalweni weNedbank Cup ejongwe ngamehlo abomvu kule veki.