UNatasha Thahane kunye noThembinkosi Lorch bohlukene

UNatasha Thahane noThembinkosi Lorch.

Umdlali kamabonakude uNatasha Thahane ubhengeze ukuba wohlukene nomdlali omtsha weMamelodi Sundowns, uThembinkosi Lorch.

UThahane ubhale kumakhasi akhe onxibelelwano esithi, “Mna noThembinkosi Lorch sigqibe kwelokuba sohlukane njengezithandani.”

Uqhube wathi, “Ngaphandle kotshintsho kubudlelwane bethu, siya kuhlala singabahlobo kwaye sikhulisa umntwana wethu kunye.”

Uthe uchulumancile sesi sahluko sitsha sobomi bakhe.

UThahane noLorch baqala ukuthandana ngo2021, phambi kokuba bazise ngobudlelwane babo esidlangalaleni, abantu baqala ukuziphandela bafumanisa izinto ezibonisa ukuba esi sibini siyajola.

ULorch unembali yokuphakamisa isandla kwaye abantu bagxeka uThahane ngesigqibo sakhe sokuthandana naye. ULorch ebengena ephuma enkundleni exoxa ityala lokubetha elalivulwe ngowayesakuba sisithandwa sakhe uFundiswa Nokuphiwa Mathithibala ngenyanga yoMsintsi ka2020.

Ngethuba efunyaniswa enetyala, iqela lakhe langaphambili iOrlando Pirates laqinisekisa ukuba uya kululekwa ukuze akwazi ukulawula umsindo wakhe.

Kunyaka ophelileyo ufumene isigwebo seminyaka emihlanu esixhonyiweyo waza wohlwaywa ngokubetha intombi awayencuma nayo.

Ngokwengxelo, wayalelwa ukuba ahlawule iR100 000 eyayiza kugalelwa kwiqela lobundlobongela obusekelwe kwisini, iPOWA.