UKwanele Kopo uthi iCape Town City isinde ngolambisa eBuffallo City Stadium

Umqeqeshi omtsha weChippa United, uKwanele Kopo, uthi iCape Town City isinde ngokulambisa emdlalweni obungempelaveki egqithileyo. Oku ukuthethe emva kokuba iChippa idlale ntenganye ngegowuli elinye neCape Town City edlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eBuffalo City Stadium ngoMgqibelo odlulileyo. Emva kwexesha elide abantu baseMonti bengayifumani imidlalo ekwinqanaba eliphezuli, bayibethe yatsha iBuffalo City Stadium elungisiweyo nguMnu. Siviwe Mpengesi.

Umdlalo utake iintlantsi kwa kwisigaba sokuqala somdlalo. Iindwendwe zihambe phambili ngegowuli elifakwe sisiquququ, uKhanyisa Mayo, kodwa uElmo Kambidu uye wafaka eleChippa United singekapheli isiqingatha sokuqala somdlalo. Ngelishwa labo abalandeli, akubangakho qela elivumileyo ukuyoyiswa emdlalweni. Umdlalo uye wasongwa amaqela omabini enkonye igowuli elinye macala. Ibingumdlalo wokuqala kaKopo noThabo September njengabaqeqeshi emva kokuchongwe kwabo kutshanje.

Ethetha emva komdlalo, uKopo uthe wonelisekile yindlela iqela lakhe eludlale ngayo umdlalo – kodwa wathi belifanelwe yimpumelelo. “Umdlalo siwulawule ngokupheleleyo. Umdlalo besiwulungiselele kakuhle ngoba sihlasele kakuhle futhi neebhola zayo besiziqhawula kakuhle. Into nje esiyenze kakubi kukubavumela abadlali beCape Town City ukuba badlale ibhola emaphikweni. Xa kukho ibhola esuka ephikweni, yenza uMayo abe yingozi – kodwa nangona kunjalo, sikwazile ukudala amathuba kwisigaba sokuqala,” utshilo uKopo.

“Asiyicinezelanga ngokwaneleyo iCity. Kwisigaba sesibini, umdlalo siwuthathele kuthi ngokupheleleyo. Ndicinga ukuba impumelelo ibisifanele emdlalweni. Kodwa ke ngumdlalo wethu wokuqala, siza kulithatha inqaku elinye. Zininzi izinto noko ezincumisayo esizifumene emdlalweni kwaye siza beka phezu kwenqaku esilifumeneyo emidlalweni ezayo. Kumnandi ebadlalini ukudlalela phambi kwabalandeli abaninzi. Sibanike umdlalo abaza kuzingomba isifuba ngawo.

“Eli likhaya lethu futhi siza kuxhaphaka futhi siqinisekile ukuba siza kuphumelela imidlalo apha ngenxa yenkxaso yabalandeli,” utshilo uKopo emva komdlalo. Imidlalo yeDStv Premiership iza kunqumama kwakhona ngenxa yemidlalo yeNedbank Cup engempelaveki. Emva koko iChippa United iza kudlala neStellenbosch umdlalo weDStv Premiership ngomhla wokuqala kwinyanga yoKwindla. Kulindeleke ukuba iChippa idlala neKaizer Chiefs umdlalo wayo eBuffalo City Stadium okokuqala kulo nyaka.