Zisingise phesheya iBulls, ngelixa iStormers zonwabele imidlalo yazo yeURC ekhaya

UMBHALI WETHU

Iqela lombhoxo iBulls, liza kuqala imidlalo yalo yeUnited Rugby Championship (URC) phesheya kulandela ukuhlaba kwalo ikhefu iiveki.

Emva kwekhefu leeveki ezimbini kwiSix Nations, iBulls zibuyele emidlalweni, ngohambo oluya eWales kumdlalo apho baza kuqubisana neDragons eNewport ngoMgqibelo. Emva kwalo mdlalo eli qela liza kusingisa eIreland ukuya kuqubisana neLeinster, kumdlalo onokubabeka kwizinga elingentla kwiURC

IBulls zibonakalise ukuzimisela kwimidlalo yabo emibini phambi kokuba bathathe ikhefu, nalapho bathe babetha iLions kunye neStormers.

IBulls ziya kulo mdlalo neDragons zisemva ngamanqaku amane kwiLeinster ehleli enkcochoyini. Nanjengoko eli qela lizakube lidlalela ekhaya xa kubuya imidlalo, banenkuthazo enkulu yokuvelisa iziphumo ezihle kuhambo lwabo kwiiveki ezimbini ezilandelayo

“Sibenexesha elimnandi kwiiveki ezimbini nalapho sibe nempumelelo enkulu kumdlalo wethu neStormers, nesiwusebenzise njengamalungiselelo olu hambo,” utshilo uKapteni weBulls uMarcell Coetzee kwinkomfa noonondaba.

“Siyazi ukuba yonke imidlalo ibalulekile ngoku, kwaye iDragons ziluqilima eNewport, phambi kokuba sijonge iLeinster, kumele sijonge iDragons.

“Amalungiselelo nokukhetha abadlali agqitywe kwiiveki ezimbini ezigqithileyo, kwaye sivune lukhulu ngalo nto.

“Ndikhetha le ndawo sikuyo okwangoku, apho sinethuba lokuzizamela indawo kwimidlalo ephambi kamagqibela kankqoyi, okanye namagqibela kankqoyi kwilixa elizayo, kodwa oko kuxhomekeke kwindlela isizini ehamba ngayo,” utshilo uCoetzee.

Ukanti zona iStormers zidinga ukubuyisa isidima sazo emva kokubethwa ePitoli. Eli qela likwindawo yethoba, nto leyo ilenza libesemva ngamanqaku amabini kwiBenetton ekwindawo yesibhozo.

Nangona kunjalo, eli qela linemidlalo eliqela ezayo neliza kuyidlalela ekhaya, emva kokuba babenomdlalo neURC eKapa ngoDisemba, ze ngoJanuwari badlala kwiChampions Cup neSale Sharks.

NgoMgqibelo, iStomers iza kuqubisana ne-Edinburgh eCape Town Stadium, kwaye umqeqeshi weli qela uJohn Dobson ukulungele ukudlalela ekhaya kwezi veki zilandelayo kwimidlalo equka iUlster, iLa Rochelle, iOspreys kunye neLeinster.

“Yinto ekhethekileyo kakhulu ukubuyela ekhaya, ngoba sagqibela ukudlala phakathi kwinyanga yokuqala enyakeni ngoJanuwari,” utshilo uDobson.

“Ndiyacinga ukuba sikwisizini entle kakhulu yombhoxo. Ngoku sinemidlalo emikhulu emibini yeURC ezayo, emva koko ibeyiLa Rochelle, ngethemba lokuba ukhona omnye umdlalo ozayo emva koko. Ndiyakuvuyela kakhulu oko.”