Alusizi amangcwaba weeKumkani zamaMpondo

Ngenxa yempixano endala engenamkhondo eqhubekayo kwisizwe samaMpondo, akukho bani ukwaziyo ukucinga nokukhathalela amangcwaba eeKumkani neeNkosi ezinkulu zesi sizwe.

Isizwe samaMpondo sesinye sezizwe ezinkulu nesizibalule ngeendlela ezininzi kwintlalo nembali yelizwe loMzantsi Afrika.

UKumkani uFaku ngoyena ugqame ngamandla kwesi sizwe ngenxa yamanyathelo amaninzi awenzilweyo ngexesha lakhe.

Ukuza kwakhe neqela labefundisi beeCawa ezahlukeneyo kwabangela ukuba amaMpondo afumane ithuba lokuba aye esikolweni esiya kufunda.

Kodwa kulusizi, kubuhlungu ukwazi ukuba ingcwaba likaKumkani uFaku bambalwa abalaziyo nabakhe balibona, kwaye imeko yalo ayilifanelanga izinga leKumkani.

NguFaku okhusele umhlaba wamaMpondo izihlandlo eziliqela kumabutho kaTshaka ebengxamele ukuthatha wonke umhlaba ongaphesheya kweThukela ukuza ngeneno kweMpuma Koloni.

Ngaphandle kwamathandabuzo ingcwaba likaKumkani uFaku kumele ukuba lakhiwa latyhilwa njengamangcwaba wezinye iiKumkani ezikhoyo emhlabeni.

Ungenelelo lwabantu bezinye izizwe, ungenelelo lezopolitiko nokungena kozungula ichele kuhlala kuwenza amaMpondo ukuba angadibani athethe into enye. Kuthiwa ingcwaba likaKumkani uFaku liseMzindlovu eLusikisiki, yena nezinye iiKumkani zamaMpondo.

Xa ubona ingcwaba likaKumkani uMqikela eLusikisiki ongunyana omkhulu kaFaku, kulisizi ukubona ukuba nalo alihoywanga, alakhiwanga, lixhagwe bubumdaka. Libonakala kuphela ngeentsimbi ezimileyo ezibonisa ukuba kukho ingcwaba kule ndawo.

Njengezinye iiKumkani amangcwaba weeKumkani neeNkosi eziphambili zamaMpondo eziquka uFaku, Mqikela, Ndamase, Sigcau noMarhelane ngamangcwaba akhiweyo ukunika imbeko kwezi nkokheli.

Ngaphandle koko ukwakhiwa kwawo kuyakuwagcina emile, ebonakala kwizizukulwana ezininzi ezizayo zesizwe samaMpondo.

Baninzi abantu besizwe samaMpondo abemnkayo kwela maMpondo ngenxa yeemfazwe nezinye izizathu besiya kumazwe afana nooLesotho, Zimbabwe namanye akumazantsi weAfrika.

Kuthiwa elika Kumkani uHlambangobende ingcwaba likrokrelwa kummandla waseSterkspruit kweli leMpuma Koloni, elika Ndayeni kuthiwa liseMandeni eThekwini.

Izizukulwana zaba bantu zibuyela mihla le emaMpondweni zikhangela umbono wazo olele kula mhlaba, kwaye amangcwaba ezi Kumkani neeNkosi ayinxalenye yoko.

Omnye woonyana bakaKumkani uFaku ophambili nomkhulu ngokuzalwa uNkosi Ndamase udlale indima enkulu nebanzi kakhulu ukumiswa nokukhuselwa kwesizwe sikayise.

Kodwa naye ingcwaba lakhe alinaso isidima esifanele iKumkani okanye iNkosi enkulu esizwe sikayise.

Uninzi lwezinye iiKumkani zamaMpondo azaziwa neendawo akuyo amangcwaba azo, oku kungenxa yokuba akukho zinzo kwizizukulwana ezilandelelanayo ngenxa yokugqama kweyantlukwano kumaMpondo.

Isizwe samaMpondo sivelisa oompondo zihlanjiwe kwezopolitiko abaquka owayenguMongameli weANC uOliver Tambo, Winnie Madikizela-Mandela nabanye abaninzi.

Ukungakhathalelwa kwala mangcwaba akukho kuphela kwisizwe samaMpondo nakwizindlu eziquka abaThembu, amaXhosa, amaBhaca nezinye akhona amangcwaba angahoywanga, angakhiwanga.