Sisichumiso ixolo lebhanana mfama

Amaxolo ebhanana.

Amaxolo ebhanana alahlwa yonke imihla emakhaya okanye ezifama ngenxa yokuba amafama engenalo ulwazi ngendlela la maxolo anokutyebisa ngayo izityalo zawo. Amaxolo webhanana anqunqwa afakwe emanzini kwikani yakho yokunkcenkceshela okanye kwibhakethi lakho lokunkcenkceshela.

Kule nkonkxa okanye ikani owafake kuyo la maxolo qinisekisa ukuba amanzi akho maninzi agqithile kumyinge womxube lowo. Nokuba matsha okanye madala ayasebenza amaxolo ebhanana, ajika kwangoko abembala umnyama.

Oku kubonakalisa ukuba ngenene ayanxibelelana namanzi ngokukhupha izithako emzimbeni wawo edibana namanzi. Gcina umxube wakho wamanzi namaxolo ebhanana kwinkonkxa evalekileyo isithuba seentsuku ezintathu.

Oku kwenza ukuba izithako ezinezondlo eziphuma kwixolo lebhanana lidane okanye lixube kakuhle emanzini akho mfama.

Ngaphandle kwamathandabuzo umxube wamanzi wakho namaxolo ebhanana azakuba zonke izithako ezidingwa zizityalo zakho.

Hluza amaxolo ebhanana kumanzi akho, ukuze kushiyeke amanzi ewodwa ukuze ukwazi ukunkcenkceshela ngaphandle kwengxaki. Umxube wakho wamanzi anamaxolo ebhanana ungawusebenzisa kwiintsuku zokuqala zokukhula kwezityalo zakho mfama.

Galela la manzi kumazantsi wesityalo sakho, kanye kwiindawo ezineengcambu zesityalo sakho ukuze kuchume kutyebe iingcambu zesityalo. Kaloku ukutyeba kwesityalo kuxhomekeke ngamandla kwimeko ezikuyo iingcambu zesityalo sakho.

Xa unkcenkceshela lumkela ukuba ungagaleli lo mxube emagqabini esityalo sakho. Lo mxube wamanzi anamaxolo ebhanana ungawusebenzisa rhoqo emva kweeveki ezimbini ukuya kwezine. Amaxolo wona ungawagqumelela kumhlaba lowo wegadi yakho ukuze akuncedise ukutyebisa umhlaba ngokubanzi.

Amaxolo wakho webhanana ungawalahla nakwiindawo apho ubeke khona inkunkuma yakho yokwenza umgquba. Ukusebenzisa ibhanana esele ziphelelwa lixesha likhuba lokwenza ukuba isichumiso sakho sikhawulezise ukutyebisa umhlaba.

Xa ziqalisa ukubola iibhanana ziba ziqulethe ngamandla izithako ezifunwa zizityalo zakho imihla ngemihla. Ukusebenzisa amaxolo ebhanana njengesichumiso kuncedisa ukulwa ukungcola ekhayeni lakho.

Xa umntu ethe wawanyathela amaxolo ebhanana angakruneka okanye ophuke kabuhlungu, ngoko ke kumele ukuba asetyenziswe ngendlela enenzuzo la maxolo.

Amaxolo ebhanana atyebe ngamandla yiphothaziyam, fosforasi nezinye izithako ezibangela ukuba izityalo zakho zichume.